Iingxaki zesijolo nasekuhlaleni

Ingxaki: Ndinengxaki, ngonyaka ka2011 ndadlwengulwa ngubhuti wam omdala, yena ongumntwana kamama, unotata wakhe. Kuthe ekuhambeni kwexesha, ndisoyika ukuyixela le nto, ndaphela ndiyithetha, ekubeni ndimxelele umama ngale nto, saphela simbambisa, kuthe kusuku olulandelayo ndaya ukuyokuvula ityala wabanjwa.

Umama wahlala nam phantsi esithi masicime ityala, zange ndimhoye, wathi xa ebona andimhoyi..ekuhambeni kwexesha, kuthe ngemini ethile wahamba nam saya emapoliseni esithi ufuna akhutshwe ubhuti lo ithethwe isikhaya le nto, wabe esithi ke lo mcuphi sasithethe naye, akazokwazi kwenza lo nto ngokuba umthetho funeka adlale indima yawo ngenxa yeminyaka yam, wathi bekuzaba ngcono ukuba bindim lo uthathe esi sigqibo, hayi sithathwe ngumama, kwaye nam bendingenokwazi ukuyenza lo nto.

Bendiza kuvunyelwa ukuba bendimdala kodwa ngenxa yokuba ndimncinci, ndithe ekuhambeni konyaka, kunyaka olandelayo, ndavavanyela intsholongwane ndafumanisa ndinayo, undosulele wabe yena ebezifihla apha endlini, zange ahlale ke esiseleni, noba wahlala iinyanga ezimbini kuba umama wayendicenga kuba masiye kwamantyi siyokucima ityala, kodwa kuthe ukuphuma kwakhe, utata wakhe wathi akamfuni endlini yakhe, kwafumaniseka ukuba kufuneka ebuyele apha ngokuba ingekho indawo azakuphumela kuyo, ndaye ndamamkela ke kodwa kwathi kanti noxolo awayelucela, wayengaluceli kuba ezisola, waqhubeka emane efuna ukwenza le nto wayeyenzile, ingxaki yam andiyaz ukuba ndithini, qho xa ndilaph’ endlini andilungi, ndicinga kakhulu de kube buhlungu imithambo yentamo kwaye kunzima ukwamkela le meko ndikuyo, andiyazi ndithini, ndicebise torho.

Impendulo: Molo ntombi, ibuhlungu into ekwehleleyo nale yokufuneka uhlale nomntu okuhlukumezileyo ozalwa naye ndiyayixolisela. Ndicela uqale ufumane iingcebiso (counselling) ukuze uzokukwazi ukujongana nale meko kwaye womelele uqhubeke nobomi bakho nangona kuzokuba nzima.

Umama wakho ndibona inguye onamandla okukuthethelela akulwele kule meko, kodwa ngulo ujongeka ezama uyiquma ube wena usindeka ukhathazekile. Baxolele sisi bobabini ngoba yiyo into eyakukhulula kunxunguphalo okulo, kwaye ufumane umntu ozakukwazi ukuthetha naye xa udinga ukuthetha nomntu. Ingxaki andiyazi uhlala kweyiphi idolophu apha eMpuma Koloni, kodwa ungatsalela umnxeba kule nombolo yasimahla 0800 150 150 yeyakwa LifelineSA, ungathetha nabo ubachazele intlungu yakho ukwazi nokufumana iingcebiso ezaneleyo. Enkosi.

Ingxaki: Molo sisi, Mna ndicela ukubuza ngale ngxaki sijongene nayo; indim nobhuti wam singabantwana abazelwe umyeni kamama wam sele engasekho, wasweleka umyeni kamama wazokufumana thina ke ngoku. Singabantwana abathandathu ekhaya, ngoobhuti abathathu, noosisi abathathu, ndicela ukubuza, ingaba umntwana ozalwe ngolu hlobo lwethu ngumntwana walo mzi na?

Ngoba thina bayasicalula bathi asizalwa ngutata wabo, nomama kengoku akasekho, usweleke ngo2003. Kangangokuba usisi wethu omdala uyasibhatalisa njengokuba inguye ohlala nabantwana bethu ekhaya, ngoba nguye okhoyo ekhaya, wabuya emtshatweni wakhe, uthi akazukugcina abantwana bethu mahala. Simnika iR1000 qho ngenyanga, nesibonelelo segranti yabantwana sikuye. Thina siphangela njengeesecurity. Singabase Lusikisiki eBuhlanyanga. Zithini iingcebiso? Ngoba sibona ingathi thina sifela isono sikamama.

Impendulo: Molo sisi, ingxaki asiyazi ukuba kwavunyelwana kwathiwani malunga nawe, nobhuti wakho, ngumama wakho nabakulo mzi anifumanela kuwo.

Ndicebisa ukuba wena nobhuti wakho nizakhele elenu ikhaya, nibaxolele ngezenzo zabo zokunganiphathi kakuhle, nale yokunibhatalisa ngokunigcinela abantwana benu- lo nto ichaza ukungabumbani nibe nizalwa kunye.

Umama wenu andiqondi wayeyazi ukuba kuzobanje mhla walandulela eli, ndicela ningambeki tyala nizame ukuqhubeka nobomi benu, nithandazele imvano kuni nonke. Enkosi.

INGXAKI: Molweni kwiSolezwe, ndiyintombazana eneminyaka eyi-27, ndafumana umntwana oyintombi ngo2009 kumfana endadibana naye eKapa, engumheza kwisitalato sesitathu. Oko ndakhulelwayo zange athathe nxaxheba de ndazala ngoNovember walo nyaka, ngoku ifemeli yandigodusa kuba engancedisi nganto nam andala. Wakhula ke umntwana. KuDecember ka2010 wacela ukubona umntwana, ndazama ndamsa kowabo, ngowaseKomani ke umfana, wamkelwa yifemeli yakhe nanjengomntu ongazange amphike nto nje zange ahlawule. Kunyaka qho ke ngooDecember bendimana ndimsa kowabo umntwana kwade kwasweleka umama lowo womfana, endibona ba ibinguye ebenyanzela ukubona usana, xa ndimsile ebethengelwa iimpahla anikwe nemali. Kusuke kwathi cwaka ngoku, watshintsha inombolo yomnxeba, andisakwazi ukudibana naye ngokomnxeba sixoxe ngezinto zomntwana. Kwade kwaphela iminyaka emibini, kophelileyo ndazincama ndaya kowabo nanjengoko bendisenza kusaphila umakhulu womntwana. Ndafika kudabawo womntwana sele esithi uneminyaka emibini engasagoduki kwaye utshatile unabantwana ababini, ngamakhwenkwe, akasabuyi, wabangumhlali eWelkom uphangela emgodini. Igama lomfana nguLonwabo Lawrence Yantolo eMaQwathini, kuKomani eZibeleni, ngakwaSindezama, ndicela nabani onolwazi ngalo mfo amxelele uZizo oyintombi yakhe una-8 ngoku kwaye uyamfuna.

Impendulo : Molo sisi, kucacile ukuba ubhuti lo zange wazixelela ngobayinxalenye yobomi bomntwana wenu nanjengokuba evele wanyamalala. Masithembe ukuba uzokwazi ukufumaneka njengokuba sowufake esi sicelo nje. Akungekhe kukuncede nganto ukuyomkhangela eWelkom okwangoku, kodwa nika umntwana ithemba lokuba uyakuze aphinde ambone uyise, uqhubeke wena umthanda kwaye ungathethi kakubi ngoyise kuye noba intliziyo yakho ingaba buhlungu kangakanani na. Ikhona imini ayakuze abe nesazela ubhuti lo abuye azokufuna umntwana, okwangoku ndicela umana umsa kowabo abenabo ubuhlobo nabo, abaqhele xa engekho onengxaki ngalo nto. Elinye kukukhangela naku Facebook mhlawumbi angafumaneka naphaya, ngoba eneneni akekho umntwana ovuyela ukukhula ngaphandle kwabazali bobabini. Enkosi.

Ingaba unengxaki kwintlalo okanye isidyolo ongathanda sikucebise ngayo? Sithumelele umyalezo kuWhatsapp

wethu 063 734 1944