Kudutyulwe kwabulawa isibini erenkini eMthatha

Umlo woonoteksi oqhubayo kummandla waseMthatha uphinde washiya kusweleke abanye abantu ababini, konzakala abasibhozo ngokumasikizi ngenjikalanga yaphezolo ngethuba amadoda ebexhobe ngemipu evulele ngembumbulu kwirenki yaseNtlaza, eLibode. 

Eli sikizi lenzeke ngecala emva kwentsimbi yesihlanu, izolo. Esi siganeko sesesibini kwiintsuku ezisixhenxe kulandela ukudutyulwa kwezinqanda-mathe ezibini eMegacom eLibode kwiveki ephelileyo. Ngokwengxelo zizithuthi ezine ebezikhwele abarhanelwa zisuka kwicala laseSajonisi kwindlela iR61 ezifike azabuza nelimdaka zadubula kumntu wonke obekule renki. 

Indoda nentombazana basweleke ngoko nangoko logama iqela labanye lingeniswe kwizibhedlele ezahlukeneyo eziquka St Barnabas kunye neNelson Mandela Academic ngeliyonyangelwa amanxeba okudutyulwa. Kuvakala ukuba uninzi lwamaxhoba lulimele entloko nakumazantsi omzimba.

Isithethi samapolisa kummandla waseMthatha neziphaluka uLiet. Kolonel Mzukisi Fatyela uthi amapolisa achole amakhoba embumbulu ezilishumi nesixhenxe kwindawo yesiganeko. “Sicela abantu abanolwazi ngabenzi balo mkhuba baxelele amapolisa. Okwangoku asibazi ngabantu bowuphi umbutho abahlasele le ndawo. Akukabanjwa mntu okwangoku uphando luyaqhuba,” utshilo Fatyela.

Amatyala amabini okubulala namanye asibhozo okuzama ukubulala avuliwe ngamapolisa.

Iingxelo zithi abarhanelwa bebehamba ngezithuthi ezincinane kunye neteksi enye. UValindawo Ngudle osisithethi sombutho weeteksi, uNcedo kuzwelonke, ugxeka urhulumente ngokuyeka kuqhube le mpalalo-gazi phakathi kwale mibutho mibini ukususela kunyaka ophelileyo. UNgudle uthe: “Kudala sicela urhulumente angenelele kulo mlo kuba bayaphela abantu. Umzekelo kumbutho kaBorder Alliance eSajonisi kugcwele amajoni namapolisa angoonoteksi, lo nto ingqinwa linyathelo labo lokungena babulale erenkini yethu ngokungena lusini. Yonke le mpi iqalwa nguBorder waseSajonisi!”

UNgudle ukwathi baxhalabile benoloyiko yimeko yokungakhuseleki kwindlela uR61 kwaye uthi ngoonoteksi baseSajonisi abahlaseleyo bayabazi.

Kususela ebutsheni bonyaka ophelileyo basondele kumashumi amathathu abantu esele bebhubhile kulo mlo weeteksi phakathi koMthatha neNtlaza kunye noMthatha neSibangweni. Kumaxhoba kuquka abanini beeteksi, abaqhubi nabakhweli. Eli phephandaba lizamile ukutsalela umnxeba amalungu esigqeba sikaBorder kodwa iminxeba yabo ikhala yodwa.

Kusenjalo kubangwa ngelithi zizithuthi eziluhlobo lweQuantum ezitshiswe ngumbutho kaNcedo eNtlaza.