Iinkosi zifuna ukuzibulala

Naankuya ukhongolose weenkokeli zemveli (Contralesa) echitheka, kuliwa ngokuba iinkosi neekumkani zifuna ukuziqalela owazo umbutho wepolitiki. KweyeKhala. Sakhe sabhala ngale minqweno kulo nyaka uphelileyo kodwa ingathi izinto ziyafudumala ngoku. Umongameli weContralesa, uNkosi Setlamorago Thobejane, okwalilo nelungu leANC uxhome ibhatyi njengelungu lepalamente apha ezivekini. Apho aya khona? Kukuseka umbutho wepolitiki weenkokeli zemveli.

Makhe siphicothe nje kancinci ukuba iphi ingxaki kuyo yonke le nto bayizamayo neloqaqobana libaxhasayo. Okokuqala, ukuthi iinkosi maziziqalele umbutho wazo wepolitiki kukuvuma ukuba iinkosi azinamandla okwenza nto njengeenkosi.

Okwesibini, ukuba baziqalela umbutho wepolitiki bakube bazivalela ngaphandle kwinkxaso abayifumana kurhulumente. Bangazibona sebecinezelwa nakwicala leenkonzo abazifumana kurhulumente. Umzekelo wale nto ophilayo ngulo kaKumkani uDalindyebo othothoza eziseleni. Kuphandle kuDalindyebo. Kwakubaphandle nakwezi nkosi zifuna ukuziqalela umbutho wazo wabucala.

Okwesithathu, kunzima kwipolitiki. Kudala zazanywa izinto ezinje; umzekelo imibutho yobuKrestu, nangona emaninzi amakholwa, ayiphumeleli kulonyulo.

Endaweni yokuba yintlekisa ngekhe ezi nkokeli ziqaphele ukuba zingabantwana begazi, abantwana begazi abanoxanduva lokukhokela izizwe ngezizwe. Iinkosi neekumkani mazifunde ukusebenzisa imigaqo esekiweyo ngurhulumente ukuze bakwazi ukugqithisa iminqweno yezizwe ezo bazikhokelayo. Izakusibuyisela emva le yokuba bafune ukuqala ekuqaleni. Ewe, iingxaki zikhona kokaKhongolose. Akho khaya lingenazo. Ngabantwana (begazi) abatheni na aba basuke babaleke amakhaya xa kungekho kuhle?

Kwiphepha lale veki sinayo nengxelo engotyelelo lukaNkosazana Dlamini-Zuma kwikomkhulu likaZwelonke (Aa!); nalapho ibilithuba lokuqinisa intsebbenziswano norhulumente. Enye into enokunceda iinkokeli zemveli kukuba ziyisebenzise la ndlu yeenkosi yazo iseBhisho, zidibane rhoqo, zithumele nathi iziphumo zezi ntlanganiso zazo. Sikwazi ukwazi ukuba baxinga phi. Singancedisa njani?