‘Bendingaboni siphoso ngokukhwela ngasemva’

Umfanekiso kaLinda Senekal ekhwele ngasemva kwindawo endavalekileyo kwiveni kaJohan Erasmus.

“Ndizikhethele ukukhwela ngasemva evenini, kuba bendingayazi ukuba akuvumelekanga, bendisonqena ubushushu ngaphambili.”

Lawo ngamazwi alowo kuthiwa nguLinda Senekal, oqale wathi unguJackie Steenberg emnxebeni, obengundaba-mlonyeni emva kokuba umfanekiso wakhe ehleli kwindawo evalelekileyo ngemva evenini udale ingxwabangxwaba kumakhasi onxibelelwano.

Ngokwengxelo uSenekal ebecele ukukhwela kwiveni kaJohan Erasmus eKaladokhwe, kodwa wala ukukhwela ngaphambili. Umfanekiso wakhe ekhwele ngemva kulo ndawo ivalelekileyo udale isankxwe kumakhasi onxibelelwano, kuquka neNkulumbuso yeNtshona Koloni uHelen Zille oyalele inkokeli yeDA eMpuma Koloni ukuba iphande lo mnqa.

ULeta Schoeman ozichaze njengenkosikazi kaErasmus uthi olu sapho lithathe uxanduva lokukhangela uSenekal emva kweminxeba engapheliyo yeentatheli zifuna ukuthetha ngalomba. “Yintombazana nje yasefama, ebizicelele ukukhwela emotweni yomyeni wam, nebingayazi ukuba izakutsala amehlo into yokukhwela kwakhe ngasemva. Indlwana engemva evenini nezifake kuyo le ntwazana igcwele indawo yonke,” ucacise watsho uSchoeman.

Noxa kunjalo kumakhasi onxibelelwano, bebevutha ngumsindo ababone lomfanekiso kumakhasi onxibelelwano, besithi le ndoda ifanelwe sisohlwayo esiqatha.

Temba Msikinya Akho lift ngandowo apha. You can clearly see la mama akonwabanga and by the look she thinking if usiwaphi and kuzokwenzeka ntoni kuye.

Bongie Nyubuse There is enough space outside the cage, akukho mntu ongaske angene ecage ini avale alile man.

Masechaba Nosizwe Simuku Siyabagezisa abelungu, andithi they killed us and our Kings bethatha our land ngoku sinee policies ezithi buy our land back kubo ezingapasiyo. Isencinci le!!!!!

U-Ace Ncobo ongomnye wabathe basakubona lo mfanekiso bawazisa kwabasemagunyeni ngeenjongo zokufumana umnini wale veni uthe, “Ukuba umhlaba ubukuthi (Kwabantsundu) ibingazukwenzeka into enje.”

USchoeman uthe bayasebenzisana nabasemagunyeni kuphando ngalo mba, watsho esithi olusapho lithethile namapolisa. IKomishini elwela amalungelo wabantu nayo iqhuba uphando.