Sivaliwe isikolo sehlazo eTsholomnqa

Isikolo saseTsholomnqa iMsobomvu HighUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

K UNYANZELEKE sivalwe isikolo samabanga aphakamileyo iMsobomvu High yaseZikhova eTsholomnqa eMonti emva kwehlazo lokuza neqanda kwiimviwo zikaGrade 12 ka-2016.

IMsobomvu High ibinabantwana abane kuGrade 12 kwaye bonke abakhange baphumelele ngethuba kubhengezwa iimviwo zikaGrade 12 kwiveki ephelileyo.

Ngethuba I’solezwe lityelele esi sikolo ngosuku lokuvulwa kwezikolo ngoLwesithathu, lifike inqununu iqoqosha amaxwebhu esikolo nanjengoko abantwana bayo bethunyelwe eTsholomnqa High. Le nqununu, engavumanga kuzichaza igama, ithi abantwana baseMsobomvu High bebengamashumi amabini ananye kwisikolo sonke kunyaka ophelileyo, behlohlwa ngootitshala abathandathu xa bequka nenqununu.

Abahlali baseZikhova bathi esi sikolo sivalwe ngenxa yezinga elibi kwiziphumo.

“Akukho mzali onokuba nomdla ekuthumeleni abantwana kwisikolo esingenampumelelo,” utshilo umhlali waseZikhova.

Ngonyaka ka-2015 iMsobomvu High ibinabantwana abalishumi elinesibhozo kuGrade 12 ze kwaphumelela ababini kuphela logama ngo-2014 esi sikolo besinabantwana abalishumi kwaphumelela abathathu kuphela.

ITsholomnqa High ibinabantwana abalikhulu elinamashumi amabini anesithandathu (126) kuGrade 12 ka-2016, ze kwaphumelela abangamashumi amane anesithandathu kuphela.

Ukuvalwa kweMsobomvu High kungqina ilizwi elithethwe yiNkulumbuso uPhumulo Masualle, lokuba mazivalwe izikolo ezinabantwana abambalwa.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za