Libekwe kwikhaya lokugqibela iphakathi elifele inkosi

Libekwe kwikhaya lokugqibela ngoMgqibelo iphakathi lekomkhulu eliseNgcolosi kuTsolo, elisweleke emva kokudutyulwa likhusela inkosi yalo ebutsheni bale nyanga.

Iphakathi uNdumiso Mzumbane onamashumi amane anesine eminyaka ubudala wayekomkhulu ngomhla wesithathu kule yeNkanga, ngethuba kugaleleka izihange ezingaziwayo nekurhanelwa ukuba zazizokuhlasela  inkosi yale ndawo uBambelela Khabilanga Mbabama. 

Inkosana uMalizole Mbabama owayekhona ngethuba kusenzeka esi siganeko ubalise ngelithi kwafika abafana ababini abaselula ababethetha isiZulu bazenza abantu abazokucela amanxiwa apho komkhulu. 

Bayalelwa ukuba bahlale phantsi bathethe nenkosi, suke omnye wabo warhuthula umpu ngaphantsi kwekephusi awayeyithwelwe. Kulapho wangenelela khona uMzumbane nowadutyulwa  izihlandlo eziliqela, ngethuba ezama ukuxutha lo mpu ekhusela inkosi.

UNkosi Khabilanga uthi usapho namalungu ekomiti asothukile, bengekayikholelwa nangoku into eyenzeka ngobabusuku, kwaye umphefumlo wakhe usaxhelekile ngendlela abulewe ngayo uMzumbane.

“Yonke into yenzeka ngephanyazo. Sagqibela sibamkela aba bantu ,omnye wabo wanga ugoba esothula ikephusi ekhahlela kutata wakhupha umpu wawukhomba kuye. Kulapho ke ubhuti lo watsibayo ezama ukuwubamba, sonda ngaye esisihange wayokuwa. 

Nam ndazama ukusibamba sijijisana ukuze abe uyasinda utata, wabethwa nje yimbumbulu enye emlenzeni yena,” ibalise yatshi le nkosana.

Kurhanelwa ukuba olugetyengo luphenjelelwe libango lomhlaba owawufudula ungowabathunywa bakwalizwi, nophantsi kwale nkosi.

Ingxelo ithi inkonzo yamaTshetshi isebenzisana nabavunkeli bekomkhulu abathi banebango lobukhosi. Kuvakala amarhe eyelekenqe lokubulala inkosi ze kungabikho nkqubeka kulawulo lalo mhlaba ubangwayo, uphelele kwibandla lamaTshetshi.

UNkosi Khabilanga ucacise wathi; “Zikhona iintetho ezithi xa ndinokubulawa akunokubakho buchule bokuyisombulula lenyewe, ekudala siyilwa ukususela ngo-2013.” Ukwathe kudala becela amancedo kwikumkani nakwisebe lobuyekezo lomhlaba, ngelizama isisombululo esikhawulezileyo kule nyewe. 

“Sekunje nje kungenxa yabantu abangohlohle ezabo, abathatha imali eyenziwa kula mhlaba bayenze eyabo kunokuba ixhanyulwe luluntu lwelali,” uqhube watsho.

Siganeko sesine sokuhlaselwa kwabantu ngenjongo yokubulala kulammandla kwisithuba nje sonyaka. Usomlomo kumasipala iOR Tambo uXolile Nkompela, wasinda kwasweleka unogada wakhe uZukile Nyontso. KweyeThupha kwakulo nyaka kudutyulwe kwabulawa uZolile Malangeni nenkosikazi yakhe uNtombovuyo Makangeni kwikhaya labo.Emva koko kwadutyulwa uceba kwakule ndawo wasweleka.

UMzumbane ushiya ngasemva unkosikazi nabantwana ababini, unina kwakunye nabantakwabo. Amapolisa aphanda ityala lokubulala.