Imbethi manqindi yaseDuncan Village, * -Azinga Fuzile, inekamva eliqaqambileyo kumdlalo wamanqindi emva kokuguqisa phantsi enye yeembethi manqindi ezaziwayo eMpuma Koloni nakwihlabathi ngokubanzi.
Kwiveki ephelileyo uFuzile ubethe uMacbute Sinyabi kumlo otsale umdla wabantu abaninzi e-Orient Theatre – apho bekulindeleke akhusele intshinga yakhe yeSA Featherweight.
Nangona uFuzile esengumfundi kwaGrade 11 – kodwa okucacileyo ngoku kukuba le mpumelelo ayizuze kwiveki ephelileyo imphakamisile kakhulu njengembethi manqindi esafufuzayo.
Phambi kokuqala kwalo mdlalo uninzi belusithi kwenzeka njani ukuthelekiswa kukaSinyabi nontwana – kodwa uFuzile uyiphendule ngokwenza umsebenzi ngaphakathi eqongeni lamanqindi lo nto.
Abagwebi kulo mlo bagwebe ngolu hlobo: 117-110; 117-109; 118-109.
Uluntu luyabongozwa ukuba lufumane isitofu sokugonya somkhuhlane