Ukutyalwa kwamadongomane kuze nemisebenzi kuGatyana

Umphathiswa wezolimo eMpuma Koloni, uMlibo Qoboshiyane etyala umthi wamandongomane kunye nomsebenzi weprojekthi, Amajingqi Macadamia Farming kuGatyane ngolwesihlanu.

LIZUZA
amathuba engqesho uluntu lwelali iJingqi kuGatyana emva kokusungulwa kweprojekthi
yokutyalwa kwamandongomane. 
Le projekthi sele iqeshe
ngaphezu kwekhulu labemi bale ndawo (107) ezihekthari eziyi100.

Isungulwe ngokusesikweni
ngumphathiswa wezolimo kuzwelonke uSenzeni Zokwana, ekunye nomphathiswa ojongene
nolimo, nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane, bephelekwe nguosodolophu
womasipala waseMbhashe uSamkelo Janda kwakunye neenkosi.

Inkosi yakuJingqi
uNgwenyathi Dumalisile uyincomile le projekthi, ngegalelo kubemi bale lai,
ingakumbi ulutsha athe beliswele into yokwenza emakhaya.

UNkosi Dumalisile uthi “Nangona
umsebenzi uqhuba kakuhle,kodwa umnqweno wam ngowokuba lande eli nani labasenzi
liyokuma kumakhulu amathathu (300).”

Ziilali ezilishumi
elinanye phantsi koGatyana ezinabasebenzi abasebenza kule projekthi, kwaye
umsebenzi ngamnye ufumana intlawulo yemali eqikelelwa kwi-R2700 ngenyanga. 
IJingqi yilali yesibini evelisa
amandongomane kweli phondo, eyokuqala yiCerha.

Zihekthari eziyi180
ekutyalwe kuzo amandongomane eNcerha, kwaye kulindeleke ukuba iyiyo ne-Amajingqi
Macadamia Farming zityale ihekthari ezingamakhulu amathathu (300) kwiminyaka
ezayo.

UNkosi Dumalisile uveze
umnqweno wokuba urhulumente abe nemali-sabelo enikwa iinkosi, ngenjongo
yokuphuhlisa iilali zazo. Uqhube wathi, nabo bezinkonsi banoxanduva lokwenza
ngcono impilo zoluntu.

Umhlali welali Asandiswa
Mangaxa uthi le projekthi itshintshe impilo yakhe kakhulu,kuba ebefudula
engasebenzi kodwa xa kunamhlanje uyasebenza kwaye uyarhola.

“Ndifumene uqeqesho kule
projekthi kwaye ndiyakwazi ngoku nokuthengela umakhulu wam nabantwana basekhaya
into esiwa phantsi kwempumlo, kuba ndimdendwa ophangelayo ekhaya,” uqhube
watsho

Kulo msitho uQoboshiyane
uthe, “Siqeqeshe ulutsha olutyala leemithi, kuba sifuna ukulibona lisebenza. Isebe
lithathe isigqibo sokuba lizixhase ngamandla iiprojekthi ezikumila kunje ukuze
zidlale indima ekuveliseneni imisebenzi kananjalo zikhulise noqoqosho.”

UZokwana yena uthe iMpuma
Koloni ikhula ngamandla  kwicala lokulima
amandongomane, ebekufudula kuhamba phambile kumaphondo afana noKwaZulu Natal, Limpompo kunye
neMpumalanga. Ukwathe, unethemba lokuba izakutshintsha impilo yoluntu
ngokwemisebenzi lo nto.

“Ngaleprojekthi sijonge
ukuncendisa nabo bazakubuya emigodini ukuze bafike basebenze apha xa kuphela
imisebenzi, kwaye amasebe karhulumente ngokubambisana kwawo ancendisile ngemali
engangeR40 million kule projekthi,” utshilo uZokwana

Uqhube wathi
amandongomane ngawona athengwa kakhulu kwimarike zeli ngenxeni yokuba anqabile,
kwaye nexabiso lawo lithe xhaxhe phezulu xa ethengiswa, nto leyo ezakhulisa
uqoqosho lwendawo yakuGatyana.

Imithi yamandongomane
ithatha iminyaka emine ukuya kweemithandathu phambi kokuvelisa isivuno. Uluntu
kwilali ishixini e-Amajingqi Macadamia Farming lingalindela isivuno ngonyaka
ka2021 okanye ngo2022.

Ilali yakuJingqi
yeyokuqala ezimbalini ekutyalwa kuyo amandongomane ngabantu abamnyama kwindawo
yabo. Le mveliso ibifudula ilinywa ngabamhlophe kwiifama zabo.