Amanina aseMonti kwimfundiso ngamafa

Amanina aselula aseMonti nazibiza njenge “Women that pray together” ebehlangene kumsitho okhethekileyo ngelokubhiyozela okulilifa kubo.

Umququzeleli walo mcimbi uPamella Nogilana uthe, “ezi ntombi zomgquba ziye zahlangana kulo msitho wokubhiyozela okulilifa kwaye zifundiswe ukuba yintoni le siyibhiyozelayo ngamafa ethu.”

UNogilana uthe, “kwalapha phakathi kwethu kukho inenekazi elenza owona msebenzi uncomekayo njengonozakuzaku wombutho ongenanto yakwenza norhulumente (NGO) omele abantwana abangamaxhoba odlwengulo, abanye babo balahliwe ngabazali babo.”

Lo mququzeleli uthi eli qela lamanina linombono omkhulu. “Sifuna ukukhuthaza kwaye sisebenzele abo bangathathi ntweni kwiindawo zethu zokuhlala, kwaye imisitho efana nale isinika umkhomba-ndlela,” utshilo.

Kula magqiyazana bekukwakho unkosazana Z Ngamlana oligqwetha lamalungelo oluntu, nowenze amazwi enkuthazo kwanemfundiso ngamafa.

Uthe amafa awananto yakwenza norhwebo lwale mihla, koko angumzekelo kwizithethe zobuntu ngokunjalo nemithetho uluntu oluzakuyishiya ngasemva njengamafa wabantwana nesizukulwana esizayo.

Uqukumbele ngelithi la manina mawafunde kumakhosikazi amathathu asebhayibhileni, uRute, uRakheli no-Estere, ebalula intsuka phi yabo eyabamisela ilifa lokuba ziikumkanikazi.