Kubanjwe abafundi abali-12 kwiYunivesithi iRhodes namhlanje

Umfundi wakwiYunivesithi iRhodes erhuqwa ngamapolisa eya kufakwa evenini emva kokuba amapolisa ohlukanise abaqhankqalazi bemfundo yasimahla i#feesmustfall ngeembumbulu zerabha kwisitalato iSomerset, phambi kwesango elikhulu leYunivesithi. Umfanekiso: Facebook

Bali-12 abafundi
ababanjiweyo kwiYunivesithi iRhodes namhlanje emva kokuba amapolisa engquzulene
nabafundi kuqhankalazo lwemfundo yasimahla i#feesmust fall nge-28 kaSeptemba
2016.
  Iqela labafundi lilimele emva
kokudutyulwa ngeebhulethi zerabha. Aba bafundi bathathiwe baya kufumana unyango
olukhawulezileyo.

Abafundi
nabasebenzi baseRhodes bakwazile ukonyusa ingxowa-mali eyiR21 147,50 kwiR30 000 ukukhupha abafundi ababanjwe
namhlanje. Kusabongozwa abantu ukuba bafake isandla kule ngxowa-mali nanjengoko
ingekafikeleli kwiR30.000 edingekayo.

Abafundi bebewela kwisitalato iSomerset beqhankqalaza phambi kokuba amapolisa afike abohlukanise
ngeebhulethi zerabha. Iividiyo ezifakwe kumakhasi onxibelelano oluntu
zibonakalisa omnye waba bafundi etsalwa ngamapolisa ngaphaya kothango
lwekhampasi ukuze afakwe evenini. Omnye waba bafundi ebekhwazela amapolisa
ebuza ukuba adubulela ntoni, suke naye wabanjwa wafakwa evenini.

Uqhankqalazo lwanamhlanje luqale ngabaqhankqalazi bephazamisa
iiklasi ebeziqhuba nanjengoko usekela-ngqonyela weli ziko, uGqirha Sizwe
Mabizela enze isibhengezo sokuba inkqubo yokufunda iza kuqala ngecala emva
kwentsimbi ye-10 namhlanje (28 Septemba). Kolo phazamiso obelusenzeka kwiklasi
yezifundo zobugqwetha kuye kwafika amapolisa abamba abanye babafundi
ebebephazamisa.

Emva koko, abafundi benze umngcelele oya kwisitalato iPrince
Alfred bedlula kwisitalato iSomerset. Kulapho bathe bahlangatyezwa ziimoto
zamapolisa, badutyulwa ngeebhulethi zerabha ngelixa abanye befakwa evenini
yamapolisa.