‘Impatho yethu iphikisana nephupha likaMandela’ – Abasebenzi

Abasebenzi beNelson mandela Museum bemambe ugwayimbo phambi kweli ziko Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Bafunge ngelithi abazugoba phondo abasebenzi beziko lokugcina imbali
iNelson Mandela Museum eMthatha, kuqhankqalazo lwabo
lwemivuzo de abasemagunyeni baphumeze izinyanzeliso zabo. Yiveki yesithathu le
ukususela oko ababasebenzi beli ziko lithiywe ngomongameli wokuqala kwinkqubo
yedemokrasi yeli bethe baqala ugwayimbo ngelifuna uchatha weshumi leepesente.
Bakhale ngelithi izinto ezazisilwelwa nguMandela azikaphunyezwa kuba basebenza
phantsi kwengcinezelo kweli ziko.

Nangona iNelson Mandela Museum
ihlaziywe ngokutsha yavulwa ngokusesikweni kwyeKhala, abasebenzi bathi imeko
zokusebenza zange ziguquke. Inkokheli yabasebenzi abangamalungu eNehawu kweli
ziko uBulelwa Ndima uthi incinci le pesente bayifunayo xa bejonga umyinge
abasuka kuwo weshumi nesihlanu ekhulwini. “Asixolanga yindlela ekuxoxwa
ngayo emva kokutshintshwa kwengxoxo zemibutho kazwelonke, ibhodi yeli ziko
yathatha isigqibo sokuzixoxela kumhla kwaqala ingxaki ekuqaleni kwalo nyaka,”
utshilo uNdima. Uqhube wathi, “Siyile kwaCCMA, kodwa nalapho umqeshi akavumanga
de kwakhutshwa isigunyaziso sogwayimbo. Asijiki sifuna ufunqu weshumi leepesente ekhulwini, hayi u5,6 esiwunikwa ngumqeshi.”

Esinye sezikhalazo zabasebenzi bubuninzi beemanejala kweliziko. Bathi zilishumi iimanejala eziphethe abasebenzi abalishumi elinesine. UNdima ukwathe,
“Ibhodi ithi masisombulule le ngxaki sodwa nabaphathi nto leyo
ingasincedisiyo. Singatsho ukuba imanejala nganye iphethe umsebenzi omnye kuphela, lonto
iyodwa yingxaki enkulu, abasebenzi abalishumi elinesine bohlulelana ngemali
eyiR1.9 yezigidi logama iimanejala zisohlulelana ngeR6.9 yezigidi.”

Ilungu lebhodi uVuyani Jarana uthi eliziko alinayo
le mali
ifunwa ngabasebenzi njengoko lisebenza phantsi kwemiqathango yesebe lezemali. “Abasebnzi
bafuna imali esingenayo kuba sinikwa isixa mali esithile rhoqo ngonyaka
sisebenzise sona. Sixhomekeke kwisibonelelo sikarhulumente akukho mali iyenye esinayo siyiNelson Mandela Museum, yilonto kungekho lunyuso lwamivuzo
ngomyinge ofunwa ngabasebenzi,” utshilo uJarana.