Kubhubhe abantu abahlanu kwingozi yemoto ebikwindlela uT26 ngakwilali yaseLubala kude kufuphi nedolophu yaseLusikisiki kweli phondo leMpuma Koloni ngentseni yangoMvulo.
Igosa eliphezulu lezendlela ephondweni uCharles Bramwell uthe, unobangela wale ngozi usaphandwa.
UBramwell uthi, umqhubi weveni ebithwele aba bantu kubonakala ukuba iphulukene nolawulo yaqengqeleka imoto.
Abantu ebebengaphakathi kule veni bebelishumi elinesithathu. Kubo ngabahlanu abathe babhubha, abasibhozo bafumana imikrwelo.
IPirates iya phambili kwiNedbank Cup emva kokunyathela iChippa United ekhaya