‘Bekumnyama singenalo ulwazi’

Ilizwe elingenabo abantu abatsha abaqeqeshiyewo ayilolizwe elo. Oku kuphume kwezinye zezithethi ebezikhuthaza abantu abatsha ekubeni bazibandakanye kumaphulo okuphuhlisa ulutsha lohlukane nezinto ezingenancedo kubo.

Isebe lophuhliso lwentlalo yoluntu eBuffalo City libambisene nosomashishini uNkosi Mandlaphakamile Makinana kwakunye namapolisa badibanise ulutsha lwelali yaseNkqonqkweni eMonti izolo, ngeenjongo zokuphefumlelana nezinto eziluncedo kubo.

Ulutsha lwalo mmandla lujongene nenimcelimngeni emininzi egqugqisa ulutsha, kungoko eli sebe kwakunye noMakinana begqibe ekubeni benze iinzame zokukhawulelana nezi ngxaki zijongene nolutsha. UNoxolo Nakani ojongene nophuhliso lwabatsha kweli sebe kule ngingqi yaseBCM uthe:”Le lali ibeyenye yeendawo abathe bakwenza uphando ngethuba bengena umzi nomzi bafumanisa ukuba ulutsha luphila etiphini kunjalo nje besebenzisa iziyobisi uninzi lwabo kwaye abanalo nolwazi ngezinto ezinokuthi zibancede ebomini.”“Nokuza apha sizokubavula ingqondo, kaloku ulutsha lweli alusoze luphuhle lungenalo ulwazi lube lungazazi nokuba maluqale ngaphi, sincedisana namanye amasebe afana nelezemfundo kwakunye nelemicimbi yekhaya ukunceda abo bangenazo nezazisi ekunzima ukuba bafumane neemali zesibonelelo.”utshilo uNakani

Omnye wabantu abatsha nothethele ulutsha lwalo mmandla uZimkitha Kula uthe eminye yemingeni ejongene noogxa bakhe kukuyeka phakathi esikolweni umntu eyeka engenaso isizathu sokuba ayeke kuba ebona oogxa bakhe, kwaneziyobisi. “Namhlanje sinikwe ukutya kwengqondo. Ndicinga ukuba nangendlela ebesikade sicinga ngayo ingakumbi abebengenalo ithemba lotshintsho. Bekumnyama singenalwazi,” utshilo uKula.

UMakinana uxhase eli phulo.