Swanepoel: Akukho nto igwenxa ngesiko lolwaluko

“Akukho nto igwenxa ngolwaluko lwesiXhosa koko ngabantu abathile ababangela ukuba lenyeliseke eli siko ngokulisebenzisa ukwenza imali.”

Oku kuthethwe nguEstiaan Swanepoel waseMonti owathi wazincama waluka ngesiko lesiXhosa kumahlathi akuCentane kweyeSilimela kunyaka ophelileyo.

Le ndoda yothusa abaninzi emva kokuthatha isigqibo sokuba alandele isiko lokwaluka ngokwesiXhosa.

“Andizisoli ngokwaluka isiXhosa koko ndiyazidla kuba ndiyindoda ngokwenene njengamanye amadoda, kwaye ndingamkhuthaza nomnye umntu ukuba enze njalo,” ucacise watsho uSwanepoel.

Lo kaSwanepoel wangena eSuthwini ekunye nomhlobo wakhe wasesikolweni eHudson Park High School eMonti uNdibulele Soboyisi kuba wayefuna ukufunda okuthile.

“Ndandifuna ukwazi into endandingayazi, ndafunda nje- ngoko ndandinqwenela, ininzi into endiyaziyo ngoku,” utsho uSwanepoel.

USwanepoel uthi wamnkelwa kakuhle kakhulu ngabantu beentlanga ezahlukileyo kwindawo ahlala kuyo eMonti. “Phambi kokuba ndiye eSuthwini ndandixelele abantu abaninzi, abanye babendigxeka besithi ndenza impazamo, kodwa ngoku bayasihlonipha isigqibo endasenzayo,” utshilo uSwanepoel.

Uhambisa athi ukwaluka ngesiko lesiXhosa kumfundise ukujonga impilo ngokubanzi kunakuqala. “Ndilijonga ngelinye iliso ngoku ihlabathi kuba ela xeshana ndalichitha phaya lavula imehlo lam kubom ngokubanzi,” uthethe oko uSwanepoel.

Abantu beentlanga ezahlukileyo bancokole kumakhasi onxibelelwano ngesigqibo sale ndoda bemgxeka abanye lo gama abanye bebemqhwabela izandla ngesigqibo sakhe.

Ukanti unina wale ndoda intsha uEstha Swanepeol uthi unyana wakhe wancedwa kakhulu lisiko lokwaluka lesiXhosa. “

Ubekade engumfo olungileyo owenza izinto ezilungileyo, kodwa ukubuya kwakhe eSuthwini ubuye eneenguqu eninzi empilweni yakhe,” uthethe watsho uEstha.

Uthi unyana wakhe udlala indima ebonakalisa ukuba uyindoda ngenene ekhayeni lakhe.