UKumkani uXolilizwe Sigcawu (1926-2005)

UKumkani Mzikayise Xolilizwe Sigcawu wazalwa ngomhla wama 26 kwinyanga yeSilimela ngo1926 ezalwa nguKumkani Zwelidumile Sigcawu wesizwe sakwaGcaleka.

Waqala ukuphatha njengenkosi yaseNqadu emva kokubanjelwa nguNkosi K. Mlata, ekuqaleni phaya kula minyaka yoo-1950.

Nantsi imbali yokuqala kwakhe ukuphatha: AbeLungu babesala besithi mncinci.

Umntu ozakuphatha njengenkosi kwakufuneka kuqala abeneminyaka engama25, ngokomgaqo kaRhulumente welo xesha.

Ngenxa yeso sizathu uKumkani Xolilizwe Sigcawu wathunyelwa kwiingcangula zoogqirha baseMonti ezathi zahlola amaqatha namagxalaba akhe, zaze zabuya neziphumo ezithi iminyaka yakhe ikuma-25.

Kuthe ngomhla wama-27 kwinyanga ka-Epreli ngowe-1961 wafikelwa yileta ephuma kwiSebe loLawulo neNkqubela yabaNtsundu, ePitoli, isithi:

“UMhlekazi uMphathiswa-Micimbi yoLawulo neNkqubela-phambili yabaNtsundu:-

a) ukunikile igunya nelungelo lokuthetha nokugweba amatyala embambano avela ngokoMthetho naMasiko abaNtsundu, eziswa kuwe ngabaNtsundu bemangalelana bodwa endaweni leyo ugunyaziswe okokuba usebenzise la mandla neli lungelo kuyo; waza

b) wakunika igunya nelungelo lokuthetha ityala lomntu oNtsundu nonokuba nguwuphina endaweni oyiphetheyo, nokohlwaya nawuphi na umntu oNtsundu owenze ityala nokokuba liliphi na, endaweni yakho, phantsi koMthetho wabeLungu oqhelekileyo, umzekelo, ongenguwo lo wenziwa yiPalamente okanye phantsi kweMithetho naMasiko abaNtsundu, ngaphandle kwamatyala akhankanye kwesi sihlomelo siqhaganyishelwe apha.

Abafazi bakaKumkani Xolilizwe Sigcawu bazele ngolu hlobo:

1.NguNkosikazi uNondwe intombi kaNyangilizwe kumaMpondo aseNyandeni. Lo ke ngumfazi omkhulu. Igama likaNondwe lakowabo nguFeziwe. uNondwe uzele unyana ogama linguSiseko ‘Nondoda’ A! Zwelethu!’ nentombi uNomaGcaleka eyendela kwaMatanzima kunyana kaNkosi Ngangomhlaba Matanzima. Ngelishwa uNondoda waba ngumntu okhubazekileyo ogula sisifo esinxulumene nengqondo, waza ke waba ngumntu okhubazekileyo, baza ke ubukumkani banikelwa kwiqadi lendlu enkulu.

2. Indlu yasekunene ngumama uNogaweni. Le nkosikazi izala unyana * -Ahlangene neentombi uBukelwa, uThobeka noFila.

3. Iqadi lendlu enkulu ngumama uNozamile. Le nkosikazi izala uKumkani Mpendulo Zwelonke Sigcawu nowathi wangena ezihlangwini zikayise uKumkani uXolilizwe, kunye nonyana uSimphiwe neentombi uVuyiswa noNontathu.

4. Iqadi lendlu yasekunene ngumama uNolitha. Kule ndlu akubangakho mntwana.

5. Ixhiba uNkosikazi uNolusapho intombi yakwaGoqolo. Le nkosikazi izele unyana uPhandulwazi, A! “Ntabothando”.

Ngexesha lokusweleka kukaKumkani uXolilizwe Sigcawu kwabakho ukungazi nokuphikisana bokuba ngubani na ozakuba yikumkani xa indlu enkulu ingenanyana. Abantu ke babebethwa kukungawazi umthetho wesiXhosa wokwabiwa kwabafazi ngesiko lesithembu.

UNozizwe unina kaNomaXhosa: UKumkani uZwelidumile uthe akuba ebekiwe abafazi bakhe babiwa ngolu hlobo :

UKumkanikazi uNozizwe intombi kaNkosi Isaac Masikizi “A! Vulindlela” Matiwane emaMpondomiseni ogama lakowabo linguNompucuko, nongunina kaNomaXhosa wenziwa undlunkulu, oyena mfazi uzakuzala ikumkani.

Olandelayo nguNodarhabe intombi yasemaKwayini, uyise wayo nguMangwatha, lowo ngunina kaXolilizwe Sigcawu owenziwa iqadi lendlu enkulu.

Olandelayo nguNohombile intombi kaThokwe emaKwayini kwaGcaleka;

Olandelayo nguNowinile intombi kaNontshizelo eMatolweni kwaDlangamandla.

UNomaXhosa: UKumkanikazi uNozizwe wazibula ngomntwana oyintombazana kumzi wakhe wakwaGcaleka. Loo mntwana wathiywa igama elithi, ‘NomaXhosa’ Sigcawu.

Iphephandaba Umthunywa langoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibini ngowe-1964 lakhupha inqaku elithi, Izibule iKumkanikazi yamaGcaleka, lahambisa lathi:

“EMTATA: UKumkani Zwelidumile Sigcawu noNkosikazi Nozizwe banexhamxhamana losana oluyintombi. Igama lalo nguNomaXhosa. Kwa inkangeleko yakhe uNomaXhosa iyaxela ukuba ungumntwana wegazi, kuba khumbulani kaloku uNkosikazi Nozizwe lo yintombi yenkosi yamaMpondomise, uNkosi Isaac Masikizi Matiwane, eSulenkama kuQumbu.

UNkosikazi Nompucuko (elakowabo) uyazibula. Njengaye wonke unozala oqalayo ukwenza ummangaliso ongaka, uzele ngamabhongo entliziyo. Xa ebedlana iindlebe nombhali lo uthe umfana oyakuzeka le ntombi makaqale kwangoku ukuqweba iinkomo kuba uya- kulobola ade aphume isifombo!”

UKumkanikazi Nozizwe Sigcawu ongunina wenkosazana uNomaXhosa Sigcawu wasweleka kunyaka wowe-1978.

Singayitsho yona into yokuba indaba yobukhosi bezizwe eziNtsundu zoMzantsi Afrika inomceli mngeni omkhulu ngenxa yokuba emva kwamadabi iinkosi zathi zoyiswa zaze zarhintyelelwa kwimithetho kaRhulumente wamaNgesi, nto leyo yazenza azahlonipheka.

UKumkanikazi uNozizwe uzekwe sele ekhona amanye amakhosikazi la, waze kuba engowasebukhosini wadalwa ngokwesiko lamaXhosa waba yinkosikazi eza kuzala ikumkani.

UNomaXhosa uzalwa nguKumkani uZwelidumile ngoKumkanikazi uNozizwe.

isibhalo@inl.co.za