Uzimanye neVukani FM uDJ Igwe

Umlawuli kwanomsunguli wequmrhu lezobuchwepheshe iKuyakhanya Media Productions, uDJ Igwe uzimanye nesikhululo sasekuhlaleni Vukani Fm eCala.

UTshidiso Sam owaziwa ngo-DJ Igwe noyinzalelwane yaseRhafu kodwa ekhulele kuKomani waziwa kakhulu ekulungiseni iikhompyutha nasekuthatheni imifanekiso ekudidi oluphezulu.

Ethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa kutshanje, UBhut’ Selfie nanjengoko ebizwa njalo luninzi lwabalandeli bakhe uthe: “Eli gama lithi Igwe ndalifumana kubahlobo bam belizwe laseKenya ngethuba ndidlala kwindawo yomjuxuzo eWhite House kukhuphiswano looDJ. Emva kokugquqisa bonke ooDJ kukhuphiswano, abemi baseKenya baqala ngokuthi ndiyingwenya yosuku ngelithi ndiyi ‘Igwe’ ngelakubo.”

U-DJ Igwe uqale ukuba nguDJ ohlawulewayo eneminyaka elishumi elinesihlanu ngo2009 nalapho afumene uqeqesho kuDJ Max noReggie Solani abakhuthaza isakhono sakhe.

“Iqumrhu lethu iKuyakhanya Media Productions ndiliqale nomhlobo wam uSiphelele Mdlankomo, sisungula izikipa zefashoni, senza imifanekiso ebhanya-bhanya kuquka ukuthatha imifanekiso kunye nokulungisa iikhompyutha,” utshilo uDJ Igwe.

Kungokunje eli tyendyana nelidume ikakhulu kuKomani, eMatatiele naseRhafu nebelifudula libhexesha ibhrakfesi kwisikhululo iLukhanji FM eKomani lizimanye nesikhululo iVukani Fm nalapho lenza inkqubo iOvernight Corner ukususela ngentsimbi yeshumi elinesibini ezinzulwini zobusuku ukuya kweyesithathu ekuseni.

isibhalo@inl.co.za