Local is lekker: Ngoku masonwabele * -50/50

ABAPHULAPHULI besikhululo sikanomathotholo iMetro FM, bazigobh’ amacala emva kokuba esi sikhululo sinikwe imvume yokudlala umyinge ka-50% womculo wasekhaya, no-50% womculo waphesheya kwiinkqubo zaso zangeCawa.

Oku kuza emva kokuba abaphulaphuli bekhalaze ngelithi, iinkqubo zangeCawa, nezidlala ubukhulu becala umculo weSoul ne-R&B, ziphulukene nomsoco emva kokuba zihlohlwe ngohlobo lomgaqo omtsha womculo ka-90%.

Ongumlomo we-SABC uKaizer Kganyago, uyigxininisile into yokokuba, izikhululo zohlobo lwe-commercial iMetro FM ne-5FM, azizokukhululwa kulo mthetho mtsha, esithi, esi sigqibo senziwe kuba iMetro FM, “kuba ibazi kwaye ibaqonda ngcono abaphulaphuli bayo”.

“Umthetho awutshintshanga. Phakathi evekini, * -90% womculo walapha ekhaya usezakuqhubekeka udlalwa, kodwa sakukhangela ukuba oku kusebenza njani emva kwexesha elithile.”

UKganyago ucacise esithi, ezinye iinkqubo zingakwenza ngohlobo lwazo oku, kuxhomekeke kuhlobo lwabaphulaphuli abanabo noko bakufunayo.

“Sifuna ukuqinisekisa ukuba, umculo omninzi odlalayo kwizikhululo ngumyinge ka90/10, kodwa ezinye iinkqubo zinabaphulaphuli abohlukeneyo, ngoko ke bayakubona benza njani ngoko.”

Ebutsheni bale nyanga, ingqonyela kwicandelo lemisebenzi eSABC, uHlaudi Motsoeneng, ubhengeze ukuba ubuncinane bomyinge ka-90% womculo odlalwa zizikhululo ezili-18 zikanomathotholo eSABC, izakuba ngumculo walapha, aze umyinge ka-10% ube ngowangaphandle.

KuTwitter, abaninzi bathe bagqibe ekubuyeleni kwakhona ekuphulaphuleni iMetro FM ngeCawa, emva kokuba ithe cebu kumgaqo womculo ibisele iwulandela.

simphiwe.freddie@inl.co.za