Umbutho waseDuncan Village ufumene inkxaso kwaMercedes Benz

INKAMPANI eshishina ngokuthengisa iimoto uMercedes Benz eMonti uncede imibutho engenanto yakwenza norhululumente yommandla waseBuffalo City.

Le mibutho ifumene imali engangeR40 000 umbutho ngamnye. Umbutho iLight of Hope ezinze kwilokishi yaseDuncan Village eMonti ebingomnye wemibutho efumene iR40 000 kwesi sisa sakwaMercedes Benz kwaneenkampani esebenzisana nazo. ILight of Hope inceda abantu abaphila nentsholongwane yesifo sikagawulayo, iphekela abantwana kwakunye nabantu abadala abangakhathalelekanga, ukanti ikwanaso nesikolo sabantwana abangenabazali esibizwa ngokuba yiNonceba Creche egcine abantwana banganmashumii amane anesibini ubuninzi.

Umsunguli weLight of Hope uNtlanganiso Mtwa uthi, ukusungula kwabo lo mbutho bashukunyiswa yimeko yentlalo yaseDuncan Village engentlanga.

“Ayisiyondawo ekufanele ukuba ihlala abantu la lokishi, abakhathalelekanga, kungoko nezifo zisonyuka ngokonyuka, kodwa sathi ukungena kwethu sazama sawenza umahluko kuluntu laseDuncan Village.

“Enye yezinto eyaziwa ngayo la ndawo yindlala egqubayo, ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi, eyonanto ulutsha esele luzonwabisa ngayo. Intswela ngqesho kwanolwaphulo mthetho olukwizinga eliphezulu. Ngezi nzamesicutha yonke le miceli mngeni ijongene nala lokishi. Sibanalo nexesha lemithandazo.” utshilo uMtwa

Uthi enye yemiceli mngeni abajongene nayo kukungakhuseleki kwabasebenzi babo njengoko kunezinga eliphezulu lolwaphulo mthetho. UMtwa uthi kwizicwangciso zabo ngoku bazakufaka Itanki lamanzi kuba yenye yezinto ekhe ibasokolise ekusebenzeni njengoko emane emka.

I-Light of Hope yasungulwa kwinyanga yoMsintsi ngonyaka ka2005 bencedisana nenkonzo iDowntown Christian Church ngeenjongo zokutshintsha impilo yoluntu lwala mmandla. Eminye yemibutho efumene inyhweba njengeLight of Hope iquka iAfrican Angels, Hope Schools; House of Restoration for Women in Crisis and Light of Hope. Yonke ikwafumene imali engangeR40 000.

Okukhatshwa yile mali kuquka uqeqesho ngokwezoshishino lakwaMercedes Benz, ukufumana ithuba lokuziqaqambisa ngokweentengiso kwaLinkFM, iivawutsha zakwaVodacom4U kwanenkxaso yezoshishino yakwaCaltex waseMpuma Koloni.