IZIMVO:

ISIGQIBO sengqonyela yezemisebenzi eSABC, uHlaudi Motsoeneng, sokuvalela usasazo lwezixholo-xholo emoyeni akuthabatheli ababukeli isigqibo kuphela, kodwa ikwabubudenge, utsho uPeter Davis. Kwaye ukuba amaphephandaba alandela le mpambano, ingaba ayazingcwaba.

Kwiintsuku ezimbi zamandulo, amajelo eendaba ayengavunyelwa ngurhulumente wengcinezelo phantsi kwento ababeyibiza “State of Emergency” eyayithintela uluntu ukuba lungafundi ngokwenzeka ekuhlaleni ngaloo maxesha.

Loo rhulumente uphambanayo wazama onke amacebo akhe angabhadlanga okulawula iindaba, kodwa wohluleka kuba abahleli bamaphephandaba abakrelekrele babekhangela iindlela zokungayilandeli loo migqaliselo nezo mbono zirhangqe ezo zixholo-xholo zazigquba elizweni ngelo xesha.

Oko babekubona njengokuyingozi ukuba bakupapashe, babekugqithisela kumajelo eendaba ehlabathi, nayesithi ayisasaze kwilizwe jikelele, edala uxinzelelo nolwathi lwadala ukuqhekeka kwaloo rhulumente. Kodwa kubonakala ngathi abaxhuzul’ imikhala abafundi kwanto kwimbali.

I-COO yeSABC, uHlaudi Motsoeneng, ufake intloko yakhe kwezeendaba, ekhupha imiyalelo yokuba izixholoxholo nodushe lwasekuhlaleni, ingakumbi ukufeda ngakurhulumente we-ANC ukuphucula iimpilo zabantu ngokuthi azise iinkonzo, akube kuphinde kubonakaliswe emoyeni.

Ke ngoku makuthini? Kule mihla yonxibelelwano olukhawulezileyo lweekhompyutha neemfono-mfono eziphathwayo, kusetyenziswa amaqonga onxibelelwano lomnatha, akukho mntu ekufanele aphulaphule okanye agqale le mimiselo yeSABC.

Oku kungaselwa so kwemigushuzo kuzakudala izixholo-xholo nangakumbi ukuze kutsaleke amehlo amajelo eendaba, kwaye wonke umntu onemfono-mfono ephathwayo uyakube ethabatha imifanekiso neevideo eyixhoma kuFacebook okanye uTwitter namanye amaqonga okunxibelelana.

Kuzakube kukho ugxudululu lwemifanekiso neembono ezijikeleza ilizwe lonke rhoqo, nokuzakuthi oko kushiye iSABC engalawulwa kakuhle ilambatha.

Ngapha koko, ngokwemithetho yosasazo, njengomsasazeli woMzantsi Afrika, iSABC inoxanduva lokunikeza ngeendaba neenkqubo zemicimbi echaphazela uluntu, nto leyo ingqamene nomgangatho ophezulu wobuntatheli, ngendlela engenamkhethe, engenacala nengakhethiyo.

Ukubekela bucala imigushuzo yonikezelo lweenkonzo, ngokwenene oko akuhambelani noko.

Oku akuthethi nto kuMphathiswa wezoNxibelelwano, uFaith Muthambi, nowakhetha ebutsheni balo nyaka ukunika uMotsoeneng ongenaziqinisekiso zaneleyo zemfundo iintambo zolawulo, kuquka nokuba nguzwilakhe kuzo zonke iinkqubo ze-SABC neendaba.

Kubonakala ngathi uMphathiswa ekunye nebhodi yeSABC, zange bayisele so ingqwalasela yamazwe eyakulandela esi sigqibo basithabathileyo.

Ngaphandle kokutsala amehlo koomabonakude bamazwe asemzini, ngowuphi lomtyali-zimali ungathabatha umngcipheko wokutyala imali kwilizwe apho ayakuthi axhomekeke kumaqonga onxibelelwano ukuze afumane okwenzekayo?

OKUSALAYO: I-SABC nguqulukubhode. Ngaphandle kokulawula omakukhutshwe emoyeni, isaphulukana neebhiliyoni zeerandi, kwaye ibhenela ekucengeni iPalamente ngethe xhaxhe, ngemali eyongezelekileyo yabarhafi ukuyigcina kwezi ndlela zayo zinxaxhileyo.

Okudingekayo ngoku linyathelo lezifundiswa ngentshisakalo azinayo zomsebenzi nanjengoko umsasazeli woluntu kufanele enze inkonzo eyiyo, kwaye engenacala kubantu bonke balo mhlaba.

Idinga isikhokelo esitsha kubasebenzi bayo ukuze igcine oosopolitiki abalambele ulawulo mgama. Ingaba oko kuzakwenzeka? Ngokwenene.

Ngaphandle kokuba abaphulaphuli nababukeli bayivale, bayeke iSABC izisasazele.

UPeter Davis wayefudula engumhleli weDaily News neSunday Tribune. Kungoku nje nguceba weDA. Qaphela! Iimbono ezivakaliswe apha, ayizizo eze-Independent Media. Sunday Tribune