Umphanga: Thandabantu Moyo (1960-2016)

Sazisa ngokusweleka kukaThandabantu Emmanuel ‘Bizza’ Moyo. Uzelwe ngomhla wama-22 kweyoMqungu ku1960 walandulela ngomhla weshumi elinesithathu (13) kuCanzibe 2016.

Uyakufihlwa ngomso umhla wama-28 kuCanzibe 2016, efihlelwa aMount Fletcher kwilali iRamatia.

Hamba kakuhle Jambase Lisa Msuthu Sanzana Ncumeni wena weza ngomva eliweni sohlala sikukhumbula silusapho.