Babonakalise izakhono kubugcisa eBhayi

Ulutsha lommandla waseNelson Mandela Bay belujuxuza kule mpela veki siyishiyayo bebonakalisa izakhono zabo kwicala lobugcisa nenkcubeko kumsitho obubanjelwe kwiholo iGovan Mbeki Sports Complex eZinyoka.

Lo msitho ubuququzelelwe nguMasipala waseNelson Mandela Bay ebambisene nebhunga lobugcisa phantsi kwalo masipala nelibizwa ngokuba yiNelson Mandela Arts Council, ubandakanya iiwadi zonke eziphantsi kwalo masipala.

Ongusekela sihlalo kweli bhunga uMartin Pram uthe, lo msitho nobubandakanya amaqela omculo, iinkxentsi, iimbongi, abadlali beqonga nabazobi ububanjwe ngeenjongo zokukhangela iitalente ezikhoyo nokuvumbulula ezo bezikade zingaziwa. Uthe, le nkqubo bayiqale kulo nyaka uphelileyo, kwaye ngoku sebejonge ukuba baye kumagqibela kankqoyi olu khuphiswano noluzakubanjelwa kwindawo yemiboniso eyaziwa ngokuba yi-Opera House.

“Apho kuyakube kudibene ingwe nengonyama eqongeni zikhuphisana ngeetalente zabo. Abakhethiweyo kolo khuphiswano lokugqibela bayakuzuza ithuba lokuba baye kubonisa ngeziphiwo zabo kwimigcobo ebanjwa rhoqo eyaziwa ngokuba yiNational Arts Festival eRhini ngenyanga kaJulayi.” Utshilo uPram

UMkonto Gwazela okwayenye yeenkokeli zeli bhunga nobesisiquququ kwicala labazobi uthe, ikho italente yokuzoba nokuqingqa kulutsha lwaseNelson Mandela, koko idinga ukuphuhliswa.

“Abazobi bethu bathabatha ngaphezu kweminyaka elishumi ukuzimela,” utsho uGwazela.

UGwazela uthe, umbutho wakhe uzakuwonga ongasekhoyo owayesakuba ngumzobi uGeorge Pemba ngokuthi baqulunqe imbasa egameni lakhe.