AbaThembu batyityimbisela umnwe uNokuzola Mndende

INDLU yobukhosi babaThembu ikhuphe isilumkiso isijolise kuGqirha Nokuzola Mndende isithi “makohlukane” nemiba yosapho lakwaMandela.

Esi silumkiso sikhutshwe sisithethi sendlu yobukhosi babaThembu uNkosi Daludumo Mtirara. UMtirara uthi, kudala bebukele uMndende ephawula ngemiba erhangqe umzi wakwaMandela.

Kutshanje inkundla ephakamileyo yaseMthatha isikhabile isicelo sikaWinnie Madikizela-Mandela sebango kumzi wakwaMandela oseQunu. UMndende ebethe gqolo ukwenza iintetho ngeli bango likaMadikizela-Mandela esithi lo mzi ngokaWinnie, hayi uGraca Machel nanjengoko uyalela njalo umyolelo kaNelson Mandela.

UMtirara uthe: “Umzi waseQunu ngokaNkosi Dalibhunga Nelson Mandela, kwaye umyolelo wakhe awufuni luhlalutyo lukaGqirha Mndende. Lonke nje ixesha uMndende ethetha ngemiba yakwaMandela, udala iyantlukwano nokudideka kwabantu. Sicela ukuba aphume kwimiba yakwaMandela.”

UMtirara uthi, uMndende ukhe wenza iintetho ngemiba yobukhosi bakwaDalindyebo kwakunye nobukaNkosi Zwelivelile Mandela. “SingooMadiba, sithi makahlale kwimiba yakwaDlamini, ohlukane nathi,” utshilo uMtirara. Iinzame zokuva izimvo zikaMndende ziwe phantsi nanjengoko umnxeba wakhe ubungangeni.