Ungaphoswa yiMthatha Freedom Spin Bash kulo Mgqibelo!

KULO NYAKA iMthatha Spin Masters iyaphinda iyabuya phantsi kwegama leFreedom Day Spin Bash.

Isiganeko salo nyaka sesokuqwalasela imiba ethile yasekuhlaleni, ingakumbi ukuqhuba isithuthi phantsi kweempembelelo zotywala.

Eli phulo liqhuba phantsi komxholo othi: “If you can’t do the time, don’t do the crime, don’t drink and drive.” Encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngalo mcimbi, omnye wabaququzeleli, uMihlali August uthe: “Eyona njongo yesi siganeko kukunikela ekuhlaleni ngokuthi siqwalasele nangakumbi kumsebenzi wesisa.

Kulo nyaka sizakugxila kuxhatshazo lotywala nokuqhuba phantsi kweempembelelo.” U-August uthi, bajonge ukuqokelela izinto ezithile zokunceda abantwana bekhaya labangenabani, iBethany Children’s Home. “Inkululeko ngeyomntu wonke, ngoko ke sicinge ukuba xa kubhiyozelwa le mini nabo abantwana bave kamnandi.”

“Simema uluntu ukuba luze neempahla zabantwana kunye neethoyi zokudlala zabantwana, njalo njalo.” “Masixhase kwaye sibengabahlobo abanentliziyo, xa simanyana sicinge nabo bantwana bangenabani okanye badibene kwela khaya ngezizathu ezithile,” ubongoze watsho uAugust. IMthatha Spin Masters, neyaqala ngo2013, ngumdlalo wokujikelezisa iimoto ngendlela ethile yobuchule.

U-August ucacise ngendlela abakhetha ngayo abaqhubi bezi moto. “Siye simeme abaqhubi kwiindawo ezithile, kunyaka ophelileyo simeme ababini baseMaritzburg, ababini eQonce nababini eMonti abanesakhono esithile sokuqhuba,” utshilo.

“Akukho mqhubi ophumelela nto. Siye sibabhatalele indawo yokulala, ipetula yakhe kunye nokuncedisa ukulungisa izinto ezithile ezifana namatayala kwizithuthi zabo.”

U-August uphinde wathi, ukhuseleko lubasesweni kwesi siganeko. “Abantu nabantwana babakwindawo ethile ekhuselekileyo yokubukela. Ukanti neenqwelo zezigulana zibakhona,” uqukumbele watsho.

Umcimbi useMthatha Sports Field ngoMgqibelo we-30 kuTshazimpuzi/ Epreli 2016, amasango avulwa ukususela ngentsimbi yeshumi kusasa.

Amangeno yi-R70, abantwana bahlawula iR30 ukuze icooler box ibeyi R50. UKHUPHISWANO: ZIXHAMLELE KWINTAPHANE YAMATIKITI ! I’solezwe lesiXhosa liphisa ngamatikiti angama-20 ( ngamatikiti amabini kumntu ngamnye kwabalishumi/ 10 double tickets) okuya konwaba kwiMthatha Freedom Day Spin Bash.

Kulula omawukwenze, thumela igama elithi: “Spinners”, igama kunye nefani yakho kwinombolo engu-33 258. I-SMS ixabisa iR1.50. Ungaphoswa!