U-Anga uzakudlala kumdlalo Isidingo!

IMVUMI kunye nomdlali wemiboniso kumabonakude uAnga Makubalo, okwaziwa njengoNaakMusiQ, uzimanya nomdlalo wemihla ngemihla kaSABC 3-Isidingo.

Le ndima intsha ka-Anga, ithetha ukuba le ndumasi eyaziwa kakhulu njengoMJ kwiGenerations, izakuvela kwimidlalo emithathu. Udlala uBantu kumdlalo omtsha kwiMzansi Magic-Igazi, nozakuqhuba de kube yinyanga yeKhala, kwakhona uzakuthabathisa kwiZ’bondiwe xa iqala nesizini yesibini ngenyanga kaCanzibe.

Ezi ndaba zimnandi kangaka kubathandi bakaMakubalo, ziza emva kotshintsho olukhulu kwiSidingo, ukumka kukaKgomotso Christopher kulo mdlalo ngoLwesithathu, ngokunjalo notshintsho kwabo bavelisa iSidingo phaya ngasemva. Oyintloko yababhali kwiIsidingo, uRohan Dickson uthabathe iintambo kungoku njengomvelisi oyintloko, engena endaweni kaPumla Hopa, nokungoku nje osebenza kweminye imidlalo eveliswa yi-Endemol.

Olu tshintsho luze nezinye iindima ezintsha kwiSidingo, nalapho sibona uAnga ethabatha indima yokudlala * -Obakeng. Indima ka-Anga ichazwa njengeyegatyana elineminyaka ekumashumi amabini, elinomtsalane nelikwasebenza emgodini. Ubesebenza kwiidolophana ezikufutshane esenza eminye imisebenzi, waze waqala ukusebenza emgodini akube efikile eDeep.

Ufika eyedwa, kubonakala ngathi akanxulumenanga naye nawuphina umntu, kodwa nangona izinto ziyondelelana, kuye kubonakale ukuba unonxulumano nolunye usapho. Kuvakala ukuba sele eqalile ukwenza iziqendu zakhe zalo mdlalo. Uyaqala ukubonakala kwiSidingo ngoLwesine we16 kweyeSilimela/ Juni.