Bakulungele ukuqubisana noqhankqalazo abezophapho

INKAMPANI iComair, esebenza neenkampani zezophapho iKulula kwakunye neBritish Airways, ithi ikulungele ukuqubisana nogwayimbo labasebenzi bezi nkampani ebekulindeleke ukuba liqale ngokuhlwa izolo.

Abasebenzi bezi nkampani bafumene imvume yokugwayimba emva kokuxinga kweengxoxo malunga nokwenyuswa kwemivuzo.

Abameli babasebenzi bezi nkampani, bathi bafuna abasebenzi ukuba benyuselwe imivuzo nge-35 yeepesenti kule minyaka mithathu izayo lo gama umqeshi esithi angakwazi ukwenyusa imivuzo nge-7.5 yeepesenti kuphela. Kulapho uqale khona unomji, abasebenzi babhenela kugwayimbo.

Inkampani iKulula, usuku nosuku, isebenzisa umzila ophakathi kwesikhululo saseMonti kwakunye ne-O.R. Tambo International eRhawutini. Le mizila isetyenziswa ekuseni nasemalanga.

Ifuthe lolu qhankqalazo kukuba xa ufika etafileni yakwaKulula uzakufika kungekho basebenzi bokukunceda.

Ingqonyela yakwaComair uErik Venter uthe: “Sikhuthaza abakhweli bethu ukuba basebenzise umnatha okanye iindawana zokuzinceda (self-service) ezikhoyo kwizikhululo zeenqwelo-moya.”