UMzwakhe Mbuli kumdlalo ‘Isibaya’

Imbongi eyaziwayo kweli, uMzwakhe Mbuli, uzifumanele indima kumdlalo kamabonakude ‘Isibaya’.

Indima kaMbuli kulo mdlalo ngeyomphathi weeteksi othathe umhlala-phantsi, noqhuba ishishini lesilarha kufutshane naseBergville, kwaBulawayo.

UEmmah Ngomane ongumpapashi kwiMzansi Magic, uzingqinile ezi ndaba, esitsho esithi “lo kaMbuli ungena njengomnye welungu losapho olutsha lakwaNgwenya”. Kolu luhlu lutsha luquka uMenzi Ngubane, Thuli Thabethe, Abdul Khoza noLinda Mtoba ngenyanga kaCanzibe.

UMbuli uzakudlala indima kaNgonyama Ngwenya, umkhuluwa kaJudas, nozakudlalwa nguMenzi Ngubane. Kuvakala ukuba uMbuli uzakuman’esithi tshe kwiziqendu ezimbalwa kule sizini intsha yalo mdlalo.

“Sichulumancile ukuba iPeople’s Poet izibandakanya neSibaya okwexeshana, siyakholwa ukuba uzakuza nomfutho kweli bali,” utshilo uNondumiso Mabece oyintloko yopapasho yolonwabo kweli jelo.

U-Abdul Khoza, kulindeleke ukuba adlale umtshana kaMbuli kweli bali.