Andikhulelwanga mna: Zahara

Bekungekudala kuvakala iindaba ezimnandi zokuba uZahara uthengise iikopi ezingamashumi amabini amawaka, waze waphinda wafumana iPlatinum ngecwecwe lakhe elitsha – tsha elithi “Country Girl”

IDrum Magazine yakutsha nje, isinike ezinye iindaba zokubhiyozelwa ngoZahara emva kokuba ipapashe iinqaku lokuba ukhulelwe kwaye ufakwe umsesane wesithembiso somtshato ngumsasazi woMhlobo Wenene * -Amaza Ntshanga.

Kodwa uthini yena ukuzithethelela?

Kudliwano-ndlebe no nomathotholo iCliff Central ngoLwesihlanu, le nzwakazi eyafumana udumo ngengoma yayo “uLoliwe” isuke yagigitheka xa ibuzwa ukuba la marhe ayinyaniso na.

“Nam bendimangele ziindaba zokukhulelwa nokuthenjiswa ngomtshato. Ndisandul’ukubona lonto emaphepheni.

Kwaye nam ndazivuyela ‘congratulations kum’. Ndikhulelwe kwaye ndingejiwe? Oh wow,” utshilo uZahara.

UZahara ukugxininisile okokuba yena akakhulelwanga, kwaye akakathenjiswa ngamtshato, usafumaneka. Mmmh! Asazi thina kuba akabambanga naminxeba yethu ukuze aphike izityholo ezo. Kunye nje esikwaziyo sonwabele icwecwe elitsha lakhe.