Kumabonakude wakho kule veki

Muvhango

UThandaza unikwa isizathu sokuba akrokrele * -Imani. UMampho akancedi ngemibuzo nanjengoko zisanda iintsolo zikaThandaza ngoRanthumeng no-Imani.

Iindaba ezimnandi zikaGizara noHangwani azamkelwa nguye wonke ubani kusapho. UThandaza akakwazi kuwubamba umsindo anawo ngeentsolo zokuba kuqhubeka ntoni kuRanthumeng no-Imani, ukanti * -Imani wazisa ukuba uyaphuma kwaThandaza. UNthabeleng uvuselela ithemba kuThandaza lokuba nomntwana ongowakhe.

Scandal!

Uloyiko lokwehla komgangatho luqhubela uDintle ekubeni akhe igumgedle. UZinzile wamkela inyaniso ngokwedlulayo, kodwa enoloyiko lwengomso.

UMangi uchulumancile ngenxa yengxaki esonjululweyo ebomini bakhe. UScelo noLindiwe bafumanisa ukuba abanakho ukuphinda bajonge utata wabo njengakuqala.

Uyavutha ngumsindo uGloria ngenxa yemikhwa engaqhelekanga kaGontse. UMangi ufumana isilumkiso, ukanti uQuinton ufumana iindaba ezothusayo.

Generations

USmanga utyala intandabuzo engqondweni kaSimphiwe. USiya uyaphazamiseka xa efumanisa okuqhubeka phakathi kotata wakhe noKarabo.

Udideka ingqondo uTshidi kwakubona kwigumbi lokufundela. Iinzwakazi zinika umhlobo wazo iingcebiso.

UNolwazi uxelela uMazwi ukuba achithe ixesha elininzi nenkosikazi yakhe. Iinzame zikaSimphiwe zihamba kakubi kakhulu. UMary ugqiba ekubeni ohlukane nexhego lakhe.

Ingqondo kaTau ithabatha ibeka yakuva ukuba uGqirha uKruger usebenzela bani.

Rhythm City

Akuva uLerato ukuba uBongi akazimiselanga kuya ndawo, ugqiba ekubeni athabathele izinto ezandleni zakhe.

UKop ugqiba kwelokuba atshintshe indlela abukeka ngayo. UDoc ugxotha uBongi kwakhe ngenxa yokunxila kumbhiyozo wokuzalwa kukaZinzi.

Ukanti uSifiso akazi nokuba axelele uLerato ngokufakela uBongi isiyobisi kwisiselo sakhe. UThandeka ufumanisa unxulumano phakathi kukaDavid noBongi.

UNiki ucela uPuleng ukuba umncede ngoBusi.

Isidingo

Uyabanjwa uSechaba ngezityholo zokubulala uMbatha. Ukanti ikamva likaSechaba lixhomekeke kuNina.

U-Aphiwe uyasokola ukulwa indlela aziva ngayo goCalvin. USechaba ucenga uNina ukuba amncede. ULincoln akakwazi kuzibamba luvuyo lokuba ezakuba ngutata. UGabriel uyatyhilelwa ngenxaxheba yakhe ekubulaweni kukaMbatha.

UNina noLerato badibana emapoliseni nalapho kuqhawuka ujingi abantwana bedlala. Ikhaya lakwaSibeko liguquke yalikhaya lolonwabo nokhanyo ziindaba zomntu omtsha ozayo.