Masifunde ngezifo zengqondo

SENDIKHE ndayikhankanya into yokuba andingomntu uyixabisileyo into yokubhiyozela iinyanga ezinemixholo, kuba ndidikwa yimiyalezo namaphulo agenafuthe. Le yinyanga yesihlanu zilandelelana oko sibhiyozela imixholo eyahlukeneyo. NgeyoKwindla besibhiyozela eyamalungelo oluntu, kuTshazimpunzi ibiyeyeNkululeko, uCanzibe ibiyeyokubhiyozela izwekazi le-Afrika *etsho ezamla*, ze le idlulileyo ibiyeyolutsha *ezibethekisa ngebunzi etafileni*.

Makhe ndiphefumle ngale sikuyo yeKhala, neza nomxholo endiwuthandayo onemfundiso nobaluleke kakhulu esizweni ngokubanzi.

Hayi, andithethi ngalo usematheni nowaziwa nguwonke-wonke wokubhiyozelwa nokukhunjulwa kosuku lokuzalwa luka tat’ uMandela. Ndingomnye nje wegcuntswana ongazange nongasoze athabathe ‘nxaxheba kweli phulo, kuba ndibona iyinkcitha xesha. Kodwa andikho apho.

Mna ke ngale nyanga iindlebe ndizibaza kwiphulo nomkhankaso ojolise ukwandisa ulwazi nokufundisa abantu ngezifo ezahlukeneyo ezichaphazela ingqondo. Le mfundiso ayipheleli kule nyanga qha, kuba olu lwazi yinto edingeka umihla nezolo kubantu abaninzi.

Umdla wam ngezifo zengqondo ukekelele kakhulu kuthi bantu bamnyama, ingakumbi ulutsha. Okona kunikisa umdla nekothusayo kukuba uninzi lwethu sizwe esimnyama asifane sithethe ngezifo zengqondo emakhayeni ethu nasekuhlaleni, kodwa uphando lubonisa ukuba liphezulu kakhulu izinga labantu bakuthi abaphila nezifo ezichaphazela ingqondo.

Amaxa amaninzi, xa izizalwane nezalamane zethu zibonakalisa iimpawu ezingaqhelekanga ngendlela abenza ngayo izinto nokuziphatha, siye sibabhebhethe, sihlekise ngabo sithi banenkenqe okanye baphethwe ngamafufunyana. Sikwaphinde sibabize ngamagama onyelisayo afana noo ‘zincinci’, ‘uthonqo’, ‘utem-tem’; njalo njalo.

Eyonanto ibuhlungu ke ngayo yonke le nto yeyokuba amaxa amaninzi senziwa kukungazi ngale ngulo nangeempawu ezibonakalisa ngayo emntwini, de abaninzi baphethe bezibulala kuba bengafumani ncedo nankxaso ekhayeni. Uninzi lwethu siyesibhidanise isifo sengqondo kwakunye nokukhubazeka ngokwasengqondweni, kanti ezi zifo zozibini zohlukile.

Ingaba ubusazi ukuba…

* eMzantsi Afrika inani labantu abatsha abazibulalyo liphezulu ngeyona ndlela de laphindaphindana kule minyaka ilishumi elinantlanu idlulileyo.

* Abantwana abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwelishumi elinethoba ngabona basecicini elikhulu lokuzibulala.

* Isizathu esiphezulu esikhokela abantu abatsha abaninzi ukuba mabazibulale kukuba uninzi lwabo lunezifo zengqondo ekuqukwa kuzo idepression kwakunye nebipolar disorder.

* Ukuzixhoma ngentambo yeyona ndlela isetyenziswa kakhulu ngabantu abazibulalayo.

Izifo zengqondo ziziindidi ngeendidi, nalapho abanye baye balaliswe esibhedlele kumagumbi abekelwe bucala ngenxa yobuzaza besifo eso nobungozi abangazifumana bekubo xa bengekho phantsi kweliso labaxelengi bezempilo, kanti abanye baye banikwe amayeza neepilisi ezibanceda ukulawula nokuthomalalisa iimpawu zezi zifo, nezingamdodobalisa umntu. Kambe ke, okona kubalulekileyo kukukuba ezi zifo ziyanyangeka, ingakumbi xa umntu efumana uncedo kusaqalwa ukubonwa iimpawu kuye.

Njenganasiphi na isifo, nesi ke asikhethi bani, wonke umntu usecicini lokuba anganaso; nokuba usisinhanha okanye ihlwempu, omdala nomncinci.

Zininzi yaye zohlukile izizathu ezingakhokhelela ukuba umntu aphathwe sisifo sengqondo, kuquka kuzo ukuxhatshazwa ngokwesondo nasemphefumlweni, ukuswelekelwa ngumzali, ukuqhawuka komtshato wabazali, ukungaqhubi kakuhle esikolweni, ukusebenzisa iziyobisi, njalo njalo.

Isizathu sokuba ndikhankanye ezi zingentla kungokuba kwezi nyanga zimbini zidlulileyou kuzakuthi ga ngoku, emsebenzini siye sifumane imbalelwano iveki neveki esuka kubantu abatsha abadinga uncedo. Xa bechaza iingxaki zabo, bonke bathi sebephelelwe lithemba lokuqhubekeka nobomi babo, yaye bahleli nje bacinga ngokuzibulala.

Xa sibaphendula, umbuzo wokuqala esibabuza wona ngowokuba bakhe bazama ukuphalaza intlungu yabo ebazalini okanye kuye nawuphi na umntu abamthebileyo ekhaya okanye isihlobo? Abanye bathi kunzima ukwenza oko, kuba baneentloni zokuthetha ngabakuvayo, yaye amaxa amaninzi nabo abazazi ukuba baphethwe yintoni na.

Noxa ndingenguye unontlalontle, ndingenguye noSis’ Dolly wodumo, kodwa ukusebenza kwam kunomathotholo njengomqulunqi weenkqubo ezahlukeneyo kwiminyaka eyadlluyo kundivule amehlo ndaze ndanomdla ekwazini banzi ngezifo zengqondo, nalapho inyanga nenyanga sasimema oonontlalontle ukuba bazokufundisa abaphulaphuli ngalo mba.

Yonke ke le nto iwenza ube lula umsebenzi wam xa abantu abatsha, noninzi lwabo ingamagqiyazana bephokoza iintlungu zabo, nalapho siyesibone iimpawu ezibonisa mhlophe ukuba baswantsuliswa sisifo sengqondo, ntonje abanalwazi.

Ngoko nangoko siye sibadibanise nabaqeqeshelwe lo msebenzi kwimibutho enikezela ngoncedo olusimahla efana neSouth African Depression and Anxiety Group, i SADAG ngamafutshane, neFamilies South Africa, iFAMSA ngamafutshane. Ikhona futhi neminye imibutho kumaphondo ngamaphondo nenikezela ngezi nkonzo, kwakunye nonontlalontle ekuhlaleni, yaye nasezibhedlele umntu angalufumana uncedo olusimahla.