Inkomfa kaNSFAS eKapa

Urhulumente uqinisa umthetho ukuzama ukunceda amawaka abafundi, abathi bazibhaqe besengxakini mayela nokufumana inkxaso mali yeNational Students Financial Aid Scheme(NSFAS. Usekela mphathiswa wemfundo ephakamileyo uMduduzi Manana uxelele abantu abebe- zimase kwintetho ethe yenziwa endaweni yakhe ngumntu oseburhulumenteni, kwela sebe eKapa ngoMvulo. Indlela edingeka ngayo le nkxaso mali inyanzelisa urhulumente ukuba akhangele ezinye iindlela.

UManana uthe ela sebe lisebenzisana nelezezimali kwizwe lonke kwakunye namanye amasebe ukuzama ukwandisa inkxaso mali yabafundi. Le ntsebenziswano izakukhokelela kumthetho omtsha ongqamene nenkxaso mali ngonyaka ka2017. Usekela mphathiswa uvumile ukuba isidingo sale mali ngokwamani abafundi siye sithi kratya ngaphaya kwale ithi yabiwe.

UManana ebebhekisa kwinkomfa ebimayela nenkxaso mali kaNSFAS eKapa. Amanani abafundi abaphantsi koNSFAS enyukile ukusuka kwi-7200 ngonyaka ka-1991, ukuza kutsho ngaphaya kwe200000 kulo nyaka. Eli ani linyuke ngeyona ndlela imangalisayo kuba imali ibihleli kwizigidi eziyi-R441 ngonyaka ka-1991, yenyuka ngo-20 yaya kutsho kwi-3.2 bhiliyoni kanti kulo unyaka iyi-R9.5 bhiliyoni. UManana umemelele intsebenziswano kubo bonke abo basemagunyeni, ukuqinisekisa ukuba inkqubo kaNSFAS ilawulwa kakuhle. Bangaphaya kwe-1.5 yezigidi abafundi abathe baxhamla kule nkxaso mali ukususela oko yathi yasekwa ngo-1991. Isidingo sale mali siya sikhula minyaka le. Eyonanto incedisayo kuphuhliso lesizwe iNational Development Plan yayisithi umfundi ofanelekileyo ukufumana le mali makancediswe ngayo, utshilo uManana. “Inyaniso kukuba imali ayiboneli bonke abafundi,”utshilo. Ingxoxo mayelana nomgaqo nkqubo phakathi kwesebe, noNSFAS kwakunye nesebe lezimali zizakukhokelela ekusekweni komthetho mayela nenkxaso mali ungafikanga unyaka ka2017. Lo mthetho uzakutsho uvale isikhewu sabafundi abasokolayo ukufumana le mali. Isidingo semfundo enomsila kweli loMzantsi Afrika siya sisiba sikhulu.

Le nto ihambisana ngqo nomnqweno karhulumente wokuba kubekho abafundi abangaphaya kwe1.5 yezigidi kwiiyunivesithi zeli phambi konyaka ka-2030. Okwangoku bangaphaya kwamawaka angamakhulu alithoba abafundi abakwiiyunivesithi zeli. Inani labafundi abafuna ukuqhubekeka nemfundo enomsila lisoloko ligilana nenani lokugcwala kwakunye nokwenzakala kwabantu ngexesha lokubhalisa ekuqaleni konyaka. Le nto inyanzelise urhulumente ukuba azise inkqubo entsha yokufuna indawo yokufunda Kwiiyunivesithi.