USnerah uzele luchulumanco kukusebenzisana noDJ Soso

Snerah umfanekiso: Uthunyelwe

Inzalelwane yelali yaseMagusheni eMbizana uSnerah Mbidana, nosele ezenzele igama kumculo weVocal House, akawuvali umlomo luchulumanco nanjengoko eza kusebenzisana noDJ Soso kumculo wakhe.

USnerah waphumelela kukhuphiswano lokukhangela italente olwalusenziwa yiarhente yophuhliso kumasipala wesithili iAlfred Nzo, iEastern Cape Audio Visual Centre (ECAVC) kwaneSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni ngo2016.

Olu khuphiswano injongo yalo yayikukuphuhlisa iitalente ezohlukeneyo kulutsha oluphantsi koomasipala baseAlfred Nzo.

Uthi ungumntu okuthandayo ukubhala nanjengoko ukucula kwaphuma ekuthandeni ukubhala.

USnerah uthi ukumalungiselelo okukhupha icwecwe lakhe lokuqala ngqa alishicilele eECAVC. Igama lecwecwe lakhe lithi “The Secrecy”.

“Enye yezinto ezindonwabisa kakhulu kulo nyaka kukufumana umyalezo ondimema ukuba ndizokusebenza noDJ osele enamava kolu hlobo lomculo wam. UDJ Soso naye ukumalungiselelo okukhupha elakhe icwecwe phantsi kwenkampani ebizwa ngokuba yiUlalelani Ungenamali (Pty) Ltd.”