Uphi uNomfundo Mngwandi?

Sele izinyanga ezimbini edukile uNomfundo Mngwandi (31) wakwaHala eCacadu emva kokuba usapho lwakhe lumgqibele esemsebenzini kwisibhedlele saseGlen Grey.

Othethe egameni losapho uMandisa Mngwandi uthi amapolisa aseCacadu abagxothile ngethuba besiya kuchaza esi sihelegu.

“Ndiye emsebenzini wakhe ngomhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe, ndaxelelwa ukuba uqale iholide ngomhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi, ebemele ukuba ubuye ngomhla wesine kaCanzibe, akabuyanga,” kubalisa uMngwandi.

Emva kokuqalisa uphando lwabo beli khaya, babone amapolisa iyeyona ndawo enokubanceda.

“Ipolisa ekuthwa nguSilarha landixelela ukuba mandihambe, ndikhe ndiqhubeke ndikhangele phambi kokuba ndichaze ngokusemthethweni ukuba kukho umntu olahlekileyo,” uthethe watsho uMngwandi.

UMasipala weSithili saseChris Hani unembali yabantu abalahlekayo ukusukela ekupheleni konyaka ophelileyo. Inenekazi elisebenza noNomfundo, uThandeka Nikelo, uthi naye uzamile ukukhangela indawo akuyo ugxa wakhe.

“Andikhumbuli ukuba umhla ubusithini, kodwa emva komhla weshumi elinesithandathu kuCanzibe, ndimtsalele umnxeba ndimxelela ukuba umntwana wakhe usesibhedlele, ndamfumana wathembisa ukuba uza kubuyela kum, akazange aphinde afumaneke,” utshilo uNikelo.

Kwiinzame zosapho bakhangele kuzo zonke iindawo ezinokuba nolwazi lokuqhubeka kwimpilo yeli nenekazi. “Ndiye ebhankini yakhe, ndizama ukukhangela ukuba akukho nto iqhubekayo na ebhankini, kodwa ibhanki ayizange ivume ukundinceda ngolo lwazi,” kutsho uMngwandi.

KuKomani kunyaka ophelileyo, inenekazi elithile lalahleka ngethuba lizilolonga ngentseni kuhola wendlela uR410, laza laya kufunyanwa kwiphondo laseKZN.

Othethe egameni lamapolisa akuKomani uKhapteni Namhla Mdleleni, uthi ngenene zikhona iziganeko zokulahleka kwabantu.

“Sixeliwe emapoliseni esi siganeko sokulahleka kukaNomfundo Mngwandi, ukho ke umcuphi osebenza kwesi siganeko ngelizama ukufumana ukuba kwenzeke ntoni kweli nenekazi lakwa Mngwandi,” uthethe watsho.

UKhapteni Zibele Ntulini nguye othunywe ukuba enze uphando ngeyona nto iqhubeke kuNomfundo Mngwandi. Ingxelo yabakwaPeople Search and Rescue Unit kumapolisa eli ithi ngamashumi amahlanu anesibini eepesenti ekhulwini amanina alahlekayo kweli, logama amadoda ehleli kumashumi amane anesibhozo ekhulwini eepesenti.

Umphathi wesibhedlele saseGlen Grey uthi ngenene abasamboni uNomfundo Mngwandi emsebenzini.

“Zikhona iziganeko ezikumila kunje ezikhe zaxelwa kuthi kodwa, kamva siye safumanisa ukuba ezinye zazo azinyanisekanga, uphando lwethu luyaqhuba kwesi sikaNomfundo Mngwandi,” uthethe watsho uMdleleni. Iphondo laseRhawutini lelona phondo linamanani aphezulu abantu abalahlekayo eMzantsi Afrika.