Zisalala phantsi izigulana eKhayelitsha

EKAPA:

NANGONA kwakhutshwa ingxelo ehlasimlisa umzimba malunga nemeko eqhubekayo kwisibhedlele iKhayelitsha District Hospital (KDH), zisalala phantsi izigulana.

Izikhalazo ezininzi zokungoneliseki kweentsapho nezigulana zanyanzelisa ukuba kuphandwe ngemeko yesi sibhedlele ukususela kwinyanga kaTshazimpuzi.

Emva kwezo zikhalazo, iTreatment Action Campaign (TAC) yeli phondo yabamba intlanganiso nomphathi weKDH uAnwar Kharwa ngomhla wama23 kwekaTshazimpuzi.

Uluhlu lwezikhalazo lwaluquka, ukuncitshiswa kwamaxesha okulinda, kuphuculwe ukuziphatha kwabasebenzi, babekwe uxanduva ngomsebenzi wabo, kwandiswe iibhedi zezigulana, kujongwe ukunqongophala koogqirha, kuthathelwe ingqalelo izikhalazo, kusekwe ikomiti eza kujongana nempatheko yaseKDH.

Kwavunyelwana kuloo ntlanganiso ukuba ziza kufezekiswa ezo zikhalazo, kodwa imifanekiso yezigulana ezilala phantsi isapapashwa kumakhasi onxibelelwano.

ITAC ithi alukabikho utshintsho. Ithi umba wokunqongophala koogqirha nezimilo zabasebenzi azikaselwaso.

Le meko ibangele iTAC ukuba ibambe uqhankqalazo kumasango eKDH ngelixa isizwe nehlabathi besibhiyozela iminyaka elikhulu kaMadiba.

Umphathi weTAC kweli phondo uVuyani Macotha uthe kusekude engqinibeni.

“Xa siqwalasela sifumanisa ukuba zandile izikhalazo kwezi nyanga zimbini zidlulileyo. Kuyagcwala, azinandawo zokulala izigulana, banqongophele abasebenzi, azikatshintshi izimilo zabasebenzi, azihoywa izigulana. Izigulana zinyanzeliswa ukuba zilale phantsi nanjengoko sigcwele isibhedlele,” utshilo.

“Oomongikazi abasebenza ebusuku abazikhathaleli izigulana. Ezinye iintsapho azikwazi ukufumana izigulana zazo ngenxa yenkathalo engekhoyo eKDH,” wongeze watsho uMacotha.

Ngokwengxelo yeTAC, iKDH yenzelwe ukonga izigulana ezingama400 000 ezisuka kwinginginya yabantu baseKhayelitsha abazizigidi ezibini nabanye abasuka kwiindawo ezifana neMitchells Plain naseMfuleni.

Nangona iKDH iphika ukuba izigulana zilala phantsi, ivumile ukuba baneebhedi ezingama300 kuphela kwaye bamkela izigulana ezingapha kwenani.

“IKDH ineebhedi ezingama300 nto leyo ehambelana nenani elanele isibhedlele esilolu hlobo. Kunyangwa izigulana zengingqi nangapha kwemida yayo,” sitshilo isithethi seKDH uSithembiso Magubane.

Ikomiti yasePalamente ejongene namaxwebhu ezikhalazo, yatyelela esi sibhedlele ingabhengezanga kwekaTshazimpuzi.

Olu tyelelo lwabangelwa zizikhalazo zokungakhathalelwa kwezigulana nophando lweNehawu olwafumanisa ukuba azishicilelwa ngokupheleleyo iinkcukacha eKDH.

Emva kolo tyelelo, usihlalo wale komiti uDumisani Ximba wathi: “Ikomiti izibonele ngokwayo izigulane zilele phantsi, uninzi lwabo luxinaniselwe ezitulweni oko bebelapho emini ngosuku olungaphambili.”

Kwiveki ezintathu ezidlulileyo, kwapapashwa ibali lexhego elineminyaka engama62 elahlaliswa esitulweni ixesha elingapha kweeyure ezingama24 elalophuke imbambo kwingozi yemoto.

UMagubane uthe ezinye izigulana ziye zikhethe ukulala phantsi nangona zikhona iibhedi.

IKhayelitsha Development Forum ithi kwasweleka izigulana ezimbini ngenxa yempatho eKDH kwiveki enye.

Isibhedlele asiphendulanga malunga nokusweleka kwezigulana.