Okhubazekileyo: Ithemba lam likwiEFF

Abantu bebhiyozela iminyaka emihlanu yeEFF eSisa Dukashe Stadium eMonti UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

UZUKISA Ngxishe waseChicken Farm ngaseMdantsane wazalwa ekhubazekile, nto leyo eyambangela ukuba ahambe ngesitulo esinamavili (wheelchair) ubomi bakhe bonke, kwaye uthi urhulumente okhokelwa yiANC eMpuma Koloni “usilele” ekuqwalaseleni iingxaki zabo bakhubazekileyo.


“Ndihlala egalini (etyotyombeni), ubomi bunzima! Kwizindlu endandithe ndaxhwarha kuzo, ndaye ndagxothwa ngabaninizo. Inye into endiyifuna kwiEFF! Yindlu!


“Ndinethemba lokuba iEFF iza kulifezekisa iphupha lam lokuhlala endlini hayi egalini,” utshilo uNgxishe encokolela I’solezwe lesiXhosa eSisa Dukashe ngoMgqibelo, apho iEFF ibhiyozela iminyaka emihlanu.


Isithethi seEFF kuzwelonke uMbuyiseni Ndlozi uthi lo mbutho wasekelwa iimpula zikalujaca ezifana noNgxishe.

“Lo mbutho ngowabantu abahlelelekileyo abafana nabasebenzi abetha amafutha kwiigaraji, abasebenza emakhitshini kwanabantu abangakhathalelwanga ngurhulumente,” utshilo uNdlozi.