Abasebenzi beeAmbulensi bangenele ugwayimbo

Imifanekiso: Bheki Radebe

UKUBA useMpuma Koloni kwaye ubukhe wabetha ucingo ufuna iAmbulensi karhulumente ze akwasabela mntu okanye ayeza, yazi ukuba ulixhoba leziphumo zogwayimbo lwabasebenzi beeAmbulensi.


Oku kungenxa yokuba abasebenzi beeAmbulensi kwiphondo liphela bangenele ugwayimbo, bezishiya apho ezo Ambulensi kwaneminxeba efuna iinkonzo zikaxakeka emva kokungavisisani nabasemagunyeni kwisebe lezempilo.


Aba basebenzi bathi isebe lisilele ekubahlawuleni iimali zabo zokusebenza ngaphaya kweeyure ezimiselweyo (overtime) phakathi konyaka ka2003 ukuya ku2014.


Kwiziko leenkonzo zeAmbulensi eMonti, abasebenzi bebeheshuza betshisa amavili bevale isango leeAmbulensi besithi akukho kwasithuthi sezigulana esiza kuhamba de umqeshi “aze nento evakalayo” kubo.


“Into esiyifunayo inye, yimali yethu yeOvertime esiyisebenzele phakathi konyaka ka2003 ukuza ku2014. Yimali yethu le, ebesiyisebenzela ngokuzinikela kwisebe, ngoko ke sifuna ukuhlawulwa,” litshilo igosa leeAmbulensi ebeliyinxalenye nogwayimbo eMonti.


Ngokwaba basebenzi, imali yeeyure ezigqithisileyo ukusuka ku2015 ukuza kulo nyaka iza kuhlawulwa, unomji yimali yeminyaka elishumi elinesibini ukusukela ngo2003.


Isebe lezeMpilo ePhondweni lithi kusekho uthethwano malunga nemali yeeyure ezigqithisileyo ukusuka ngo2003.


UMphathiswa wesebe lezempilo kweli phondo uHelen Sauls-August uthi eli nyathelo lithatyathwe ngabasebenzi libadanisile, watsho echaza olu gwayimbo njengolo lungekho semthethweni.


“Bayayazi ukuba baqeshwe phantsi kweenkonzo zikaxakeka ngoko ke abanalungelo lokugwayimba. Isebe liza kuthabatha amanyathelo angaphakathi ukuqubisana nabo bangenele ugwayimbo logama bekufanele ukuba basemsebenzini,” utshilo uSauls-August.


USauls-August ukwathe isebe lenze amatiletile okubiza iiAmbulensi zabucala ukusabela kwiintlekele nakwiimfuno zabo bagulayo. 

Ofuna le nkonzo angatsalela kule nombolo 0800 032364.

Kusenjalo, ngoLwesibini iinkokeli zabasebenzi kulindeleke ukuba zidibane nabasemagunyeni kwisebe lezempilo eBhisho.