UPoqo uth’ umqolo wakhe usithwe ngoonolali

Zama Ntshona weATM eMpuma Koloni -Umfanekiso : BHEKI RADEBE

Ama-Afrika Poqo, iPAC ngamanye, isamile kwelokuba iza kuba naye ummeli eBhisho emva kolu lonyulo nangona nje iziphumo, ukuza kuthi ga ngoku, zingathethi lo nto.

Ngentsimbi yokuqala emini ngoLwesine, emva kokubalwa kweevoti ezikwi-56.2%, iPAC eMpuma Koloni ibineevoti ezikuma-3 528 (okanye u-0.35% weevoti zephondo).

Usihlalo wePAC ephondweni uSandla Goqwana uthe: “Iivoti zethu zisezilalini kwaye sinethemba lokuba siza kuqhuba kakuhle kakhulu. Kodwa ke masiyithethe eyokuba asonelisekanga yindlela esiqhube ngayo ukuza kuthi ga ngoku.”

“Silindele lukhulu kunoku ngenxa yomsebenzi esiwenzileyo kwanendlela abathe basabela ngayo abantu kwinkqubo yethu yokugaya inkxaso. Sisenalo ithemba lokuba siza kuba nabammeli kwiNdlu yoWiso Mthetho eBhisho,” utshilo uGoqwana.

Kusenjalo, uninzi lwamaqela ezopolitiko aseMpuma Koloni aphakamise ukungayithembi inkqubo ye-IEC.

UNqaba Bhanga weDA uthe: “Amagosa akwa-IEC aqinisekisile kuthi ukuba abavoti bayakwazi ukujikeleza izitishi bavote kangangoko banako.”

“Mna lo buqu kwenzekile ukuba ndivote kwisikhululo endingabhalisanga kuso, andatyikityiswa xwebhu. Kuthe nje ukuba kwenzeke njalo safaka isikhalazo nekuthiwa siyaqwalaselwa kuzwelonke,” utshilo uBhanga.

Yena uChris Swepu onguNobhala weAzapo eMpuma Koloni uthe: “Asonelisekanga yindlela i-IEC elusingathe ngayo unyulo.”

“Abantu bavote kangangoko banako kwaye nendlela yokujonga abavoti ayonelisi kuba ayikwazi ukujonga kwangoku ukuba ubani sele evotile kusini na. Sikuphakamisile oku ne-IEC kodwa ngendlela esibona ngayo akukho kwanto abakwaziyo ukuyithetha ngokuphandle ngelithi iyakwazi ukuthintela,” kutsho uSwepu.

UZama Ntshona weATM uthi i-IEC ayinandlela yokunqanda ubuqhetseba.

“Eyona nto emandla yinkqubo yokuqinisekisa ukuba umntu uvota kwindawo enye. Inkqubo yokuqinisekisa ukuba umntu akavoti kabini, akanayo u-IEC,” utshilo uNtshona.