Uqhweshe elugcinweni umrhanelwa

Fernando Swarts

Amapolisa azijul’ ijacu ekhangela uFernando Swarts oneminyaka engamashumi amabini (20) oqhweshe elugcinweni ngoLwesibini emva kwemini. Lo mrhanelwa ebebanjwe ngezityholo zokuqhekeza aphinde ebe kwishishini.

Kuye kwafunwa iqela lokukhangela nelikhawuleze laqalisa uphando kwaye lafumana imikhondo ngokukhawuleza.

USwarts ubonwa njengomntu oyingozi kwaye uluntu luyalumkiswa ukuba lungazami iindlela zokumbamba, koko luqhagamshelane noSheldon Smith ongumphathi wolu phando ku: 0713524623 okanye isikhululo esikufuphi ku08600 10111. Lonke ulwazi olusuka eluntwini luza kufihlwa.