Bhayi neGcuwa bilisani amanzi phambi kokusela nokupheka!

Isebe lezaManzi kwakunye neLindle kuzwelonke lihlaba ikhwelo kuluntu lweli phondo ingakumbi kolwaseBhayi kwakunye neGcuwa nekuzezona ndawo zichatshazelwa yingxaki yokunqongophala kwamanzi ngenxa yembalela egqubayo, ekubeni rhoqo lubilise amanzi phambi kokuwasebenzisa ngeenjongo zokubulala iintsholongwane.
Phantse lonke eli phondo linengxaki yokunqongotshelwa ngamanzi ngenxa yembalela, kodwa ezihamba phambili zezi zikhankanywe ngentla.
Ngokwengxelo ephuma kweli sebe, ithi abahlali baseBhayi bachaze ukuba amanzi aphuma ezimpompeni aphuma emdaka kwaye engenako nokuseleka. 
Lona uluntu eGcuwa, sele aphela nasezimpompeni amanzi luxhomekeke kumatanki amane eza ngezoo ntsuku esiziswa ngumasipala wesithili iAmathole. 
Isebe likwadiza ukuba eBedford naseAdelaide ukugungxulwa kwezindlu zangasese yeyonanto inzima kuba akukho lawo okugungxula amanzi.
Lithi ukunqanda izifo uluntu malungalibali ukubilisa amanzi phambi kokuba lusele.