Ikhalela uBuck Matyila itrufm!

Umsasazi weTruFM ongasekhoyo uBuck Matyila

SIGUTYUNGELWE lilifu elimnyama isikhululo sosasazo itrufm, eBhisho, emva kokusweleka komsasazi waso ngale ntsasa uBaxolise “Buck” Matyila.

UMatyila ubhubhe ngentsasa yanamhlanje (uMgqibelo) emva kokugula ixeshana. 
Eli tyendyana lomsasazi, 33, lisebenzele itrufm into ekwiminyaka elishumi elinambini, ukanti lisutywa kukufa nje, belisenza inkqubo ephakathi kuka12 no3 emva kwemini. 

UMphathi weTruFM, uMasi Mdingane, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ukusweleka kukaMatyila kuyilahleko enkulu. 
“UBuck ebenetalente engumangaliso, edlamkile kwaye eluthanda kakhulu usasazo. Ungomnye wabasasazi bokuqala ukungena kwitrufm eyayisandul’ ukusekwa ngo2008. 
” Ebenendlela ekhethekileyo yokunxulumana nabaphulaphuli kwakunye noogxa bakhe. Ebengumsasazi onesakhono esixandileyo kwaye ekwazi ukwenza nayiphina inkqubo, ” kutsho uMdingane. 
Phakathi kwentaphane yeenkqubo azenzileyo uMatyila etrufm, kuquka inkqubo yeBhrakfesi neyeAfternoon Drive. 
“Ebenendlela yokwenza bazive besekhaya abo baziindwendwe zakhe enkqubeni. Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho, izihlobo, abaphulaphuli kwakunye nabalandeli bakhe, ” kuvakalisa uMdingane. 
Amalungiselelo omngcwabo bewengekabhengezwa.