Into entle iyanconywa!

Imini ebikade ixelwa iye yafika, ifika ngenjikalanga yomhla wesi7 kule nyanga yoMqungu, xa uMphathiswa weMfundo esiSiseko ebhengeza kwimijelo yosasazo eyahlukileyo iziphumo zeBakala le12.

Le ngxelo yoMphathiswa ibiquka indlela abafundi besizwe abaqhube ngayo xa bebonke, kuquka nendlela iphondo ngalinye kula asithoba oMzantsi Afrika eliqhube ngayo.

Ngokwengxelo yoMphathiswa umama uAngie Motshekga, iziphumo zika2019 zibe zihle kangangokuba abafundi baka2019 babe ngabona bafundi benze kakuhle kweli lixa sikulo likarhulumente wedemokhrasi, urhulumente wenkululeko nolawulo lwesininzi.

Umzekelo, xa kuthelekiswa indlela abafundi bematriki abaqhube ngayo kumnyaka ka2018, uphawula ukugxanya nokugqwesa kwaba baka2019, kuba abaka2018, baphumelela ngomyinge wama78,2%, ukuze abaka2019, bagqwese ngomyinge ongama81,3%.

Ngokophando nobalomanani ke kufumaniseka ukuba ezi ziphumo zezokuqala ukufikelela kumyinge ongaphaya kwama80 ekhulwini, ukusukela kumnyaka ka1994 wokuzuzwa kwenkululeko, umakufanwe nomakulinganwe.

Xa kunjalo ke zidwesha zakowethu, ndinga ndingathi into entle iyanconywa! Xa sincoma ezi ziphumo, kumele ingalityalwa nendlela iphondo eli lethu leMpuma Kapa liqhube ngayo, iphondo elinabafundi abaninzi abangamaXhosa nabafunda isiXhosa njengoLwimi lwaseKhaya, isiXhosa njengoLwimi lokuQala Olongezelelweyo, kwanesiXhosa uLwimi lwesiBini Olongezelelweyo.

Kananjalo, ngaphandle kwabo bafunda isiNgesi nesiAfrikansi, baninzi kwanabafundi abafunda isiSotho kweli phondo.

Le mpumelelo inempucuko ephawulekayo kwiphondo leMpuma Kapa, mna njengomthandi wolwimi ndiyayamanisa nendlela abafundi abaqhube ngayo kwizifundo zolwimi kuqala, kulandele ke nezinye izifundo zabo.

Kaloku ngokomthetho wokuphumelela uviwo kwezemfundo, ukuzika kwizifundo zoLwimi lwaseKhaya kwanoLwimi lokuQala Olongezelelweyo, oko kwalatha ukuba umfundi utshone akavela nangonwele.

Xa ke kufumaniseka ukuba iziphumo zephondo leMpuma Kapa ziphucukile, masibaqhwabele izandla nootitshala bolwimi kwanabafundi babo ngokuzimisela kwabo kwizifundo zolwimi. Ixesha elininzi azinikwa ngqalelo izifundo zolwimi kwanootitshala bazo, kanti ke zezona ziphambili, kangangokuba namaziko emfundo enomsila, aqala aphendle ukuba umfundi ingaba uqhube njani na kwizifundo zolwimi phambi kokuba amkelwe.

Igalelo elihle elenziwe ngootitshala nabafundi bolwimi kwezi ziphumo, nalo malinconywe. Xa sincoma ke ngoku, kumelezekile sikwenze oku singakhethe mvelaphi yamntu, bala lamntu, kwanomgangatho wemfundo efunyenwe ngulowo ugqwesileyo.

Nditsho kuba kumele sibancome nabo bafundi baphumelele emagqabini kangangokuba bade batshotshela entla ngokweziphumo zabo ezihle xa bethelekiswa nabanye abafundi. Ngokwengxelo yeziphumo zika2019, akukho nto itshintshe kuya phi okanye akukho nto yothusileyo kuba kwenzeke oko sesikuqhelile.

Oku ndikuthethiswa yinto yokuba abona bafundi bafumene iziphumo ezigqwese kakhulu, ngabafundi abaphuma kwizikolo zasemzini. Naxa uqwalasela kwaba bafundi balishumi baphume phambili kuzwelonke (Top 10 Achievers), uya kuphawula ukuba abaninzi kubo, ngabo baphuma kwizikolo zasemzini, kangangokuba abahlanu kubo basuka kwizikolo zabucala okanye zasemzini kwiphondo leNtshona Kapa.

Aba bafundi ke baquka lowo ugqwese ilizwe lonke uMadelein Dippenaar wasePaarl Gymnasium School; uGary Allen waseRondebosch High; uEsther Makinde waseMilnerton High nabanye.

Inene into entle mayinconywe, nokuba ngamanye amaxesha ikushiya uzibuza imibuzo engaphendulekiyo. Kwinqaku lam lokugqibela kumnyaka ka2019, ndiyichaze kakuhle into yokuba izikolo zasemzini ziza kuqhuba kakuhle kunezi zethu, kuba kaloku abantwana basemzini, banethamsanqa lokunikwa nokubhala iimviwo ngolwimi lwabo lwasekhaya.

Oovimba bolwazi ke bathi nalapha kwiphondo leMpuma Kapa, kulo mnyaka ka2020 abafundi baza kunikwa ithuba lokuphendula iimviwo ngesiXhosa nangesiSotho.

Ukuba lo mpoposho uyinyani, mna ndiyavuya, ngethemba lokuba indlela yokuphunyezwa koku iphandisisiwe, icwangcisisiwe kwaye nabo baza kuyinyemba bayihleke, baya kuphoxeka badane.

Kwakhona xa sijonga kwimeko yobume bala maphondo agqwesileyo kunamanye, uphawula umba ekukudala ndinyathela kuwo, lo wokuba kukulahlekisa abantu ukuthelekisa amaphondo anezikolo ezikummandla weedolophu nalawo akwimimandla enabileyo yamaphandle.

Kaloku umntwana wasemaphandleni sazi sonke ukuba imeko afunda phantsi kwayo ayixhotyiswa ngokufanayo ncam naleyo yomntwana ofunda ezidolophini.

Lilonke ke, ngokuzama kwabo abantwana nootitshala basemaphandleni kumaphondo afana neMpuma Kapa neLimpopo, kuquka namaSebe ezeMfundo ala maphondo, ndibaqhwabela izandla, ndikwacela kananjalo ukuba urhulumente wethu, nathi luntu ngokubanzi, senze konke okusemandleni siyile amaphulo okuphucula imfundo yasemaphandleni neyezikolo zomzi ontsundu, ukuze ibe namathuba afanayo nalinganayo naleyo yomntwana wasedolophini nowasemzini.