Upase kakuhle, wathiwa jize ngemali sisikolo sakhe!

UBaxolele Molose, otshayele kwanto ephambi kwakhe, ebekhatshwe ngumakhulu wakhe uKhutala Jabe nesekela-nqununu uMnu. uZingisa Gcabo.

Emva kokuzipasa kakuhle zonke izifundo zakhe zikaGrade 12, isikolo sakhe simthe jize ngemali entle njengokuba esiya eYunivesithi.

UBaxolele Molose, 17, ebephakathi kwabafundi abaphume emagqabini kwiimviwo (Grade 12) zokuphela konyaka eMpuma Koloni.

Isebe lezeMfundo libenzele itheko bonke abapase kakuhle, uMolose ebeyinxalenye yabo bafundi eMonti.

Njengokuba uMolose ezipase zosixhenxe izinto ebezenza kuGrade 12, isikolo sakhe, Isolomzi Senior Secondary yakuCentane, imphe iR250 ngento nganye ayipasileyo. Ngoku uya eYunivesithi enemali eyiR1750 eyinkuthazo kuba epase kakuhle.

UMolose uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba bekunzima kodwa ngenxa yokuzimisela nokuhlonela imiyalelo yakowabo, uzibone eqabela kuGrade 12 kwaye ujonge ukwenza izifundo zomthetho eRhodes University.

“Ayikho enye into ngaphandle kokuzimisela ngalo lonke ixesha. Bendifunda iincwadi zam futhi zange ndawulibala umyalelo wabazali bam. Ebekhona amagingxigingxi phaya naphaya kodwa ingqondo yam bendiyibeke ezifundweni zam ngoba into ebendiyifuna ibikukuphumelela. Ndiza kwenza izifundo zomthetho eRhodes University,” utshilo uMolose emva kwetheko ebeliseMonti.

Umama uKhutala Jabe ukuvuyele kakhulu ukupasa komzukulwana wakhe, watsho emncoma ukuzimisela kwakhe ngethuba efunda uGrade 12.

“Ndivuya kakhulu. Ibisoloko ingumnqweno wam ukumbona ephumelela. Andithathi ntweni kodwa ndazixelela ukuba ndifuna ukumfundisa uBaxolele ngokuba ukrelekrele. Indlela ebheka eNgcizela ibingekho lula. Ebehamba umgama omde kodwa ndaqonda ukuba lo mntwana uyayifuna le nto ayifunayo. Ndimnikile inkxaso, naye usibonisile ukuba uyayazi into ayifunayo. Ndifuna angaphazamiseki apho aya khona futhi azazi apho asuka khona. Eyunivesithi umntu uyazimela, lo nto ithi kufuneka azimisele.

Isekela-nqununu, uMnu. Zingisa Gcabo, umqhwabele izandla uMolose, watsho emchaza njengomntwana ozimiseleyo nonembeko.

“Sisisikolo siyayivuyela indlela aqhube ngayo uMolose. Uzibonakalise kwaphakathi enyakeni ngoba ebesoloko esezincwadini. Esikolweni, ebesoloko engoyena mfundi ogqwesayo. Lo nto uyenze ukusukela kwaGrade 10. Sisoloko sibakhuthaza abantwana bethu. Nangoku siza kumnika iR250 ngento nganye ayipase kakuhle,” utshilo uGcabo.