UZALO: Isithandwa sikaSbu esiyindoda?

KUMVULO wale veki bekuqala isizini yesithandathu yomdlalo kamabonakude Uzalo nesiphathele iimbuso ezintsha.

UFezile Makhanya, owayefudula ekwiqela labasasazi beSABC1 bamandulo, ze wasasaza ezemidlalo wadlala nakwimidlalo emininzi equka iThe Queen, uza kube engomnye wezo mbuso.

UMakhanya uza kudlala indawo kasomashishini owaziwa njengoMpumelelo “Mpume.”

UMpume lityendyana eliminyaka ingama30, elinomtsalane , elithetha kamnandi kwaye elikuthi ntsho emehlweni xa lithetha nawe.

Ezi zezinye zezinto ezenza abantu bangamchani ncam ukuba yindoda ezithandela kwamanye amadoda (gay).

Ngokutsho kwengxelo ekhutshwe luZalo, uMpume ngusomashishini othengisa izindlu. Uye axelele abantu ukuba bathengise izindlu zabo zeRDP kubatyalimali bezindlu ukuze azifumanele imali engena kuye epokothweni.

Efika nje kwaMashu, uMpume uzithandela uSbu (Simphiwe Majozi), noye acinge uSbu yena uzifumane umhlobo ekudala emfuna.

USbu uvuyela nantoni na ayinikwa nguMpume. Bobu bubele bukaMpume obenza uSbu angakholelwa ukuba uMpume ugeyi. Endaweni yoko, uSbu uye wasungula iPhulo lokuguqula uMpume.

Okwesibini, omnye wezi mbuso nguThulane Shange (odlalwa nguThulani Mbhele ominyaka ingama30 odlala indawo kaThulani.

UThulani uchazwa njengopholileyo, ohloniphayo nothembakeleyo. Akaphakamisi lizwi xa ethetha nokuba senomsindo okanye egrogrisa umntu.

UThulani, oqale ngoLwesithathu ukubonakala kulo mdlalo exhwila uMaMlambo, uye kamva abonakale eShisa Nyama nalapho athabatheka nguNosipho. Esi sibini kubonakala sisemdleni wothando.

Izinto zichitheka xa uNosipho efika ekhaya uThulani ehleli noMaNgcobo kuvela iindaba zokuba uThulani ngunyana kaGxabhashe.

UShange  udlale kuFalakhe nakwiKani.

Ukanti omnye ovelayo kule sizini intsha nguNombulelo Mhlongo oza kudlala uNomcebo Meyiwa, umama kaKhehla owayefudula esisithandwa sakudala sikaQhabanga. Ungaphoswa!

Uzalo ludlala ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngo20h30.