Andinabudlelane noMkhorona!

Kwizikhululo zeenqwelomoya nakwiinqwelomoya kuyinto eyoyikisayo sisifo esitsha saseTshayina. Andazi ke nokuba ndinyanisile na ukuthi sesaseTshayina ngaphezu kokuthi siqhambuke eTshayina.

Ndinento ethi sesethu sonke; ukuba ibisesaseTshayina ngesihleli khona singanwenweli kwamanye amazwe, ngoku ke kuthiwa sinwenwela nakwamanye amazwe, nawo ke iya kuba sesawo sakube siwafikele.

Ndatsho ndakhumbula ukufika kwesifo ugawulayo, naso esaqala kumazwe akude, sisiva ngaso koonomathotholo. Sasisithi ke sisifo samalawu abanye besithi sesabelungu, abangahlalelaniyo ke nezo ntlanga besithi seseembulu, ndingazi ke ukuba iimbulu zosulelana njani nabantu ngesifo sesondo.

Yayikukungafuni nje ukusayamanisa nathi; igcushuwa nesisende nebekelo, nezinye ke izifo ezichaphazela isini esasisazi zona zazanele, singafuni zifo zimbi ziziswa ngakuthi. Nesi ke isifo kuthiwa yikhorona sisiva apha koonondaba abahlalele ukusoyikisa ngezimanga zelizwe esingazaziyo; basitsho sizive ilizwe eli singalinqweneli! Uthi ke wakuba kwizikhululo zeenqwelomoya uqale uqonde ukuba le nto yesi sifo ayikudanga, ikufutshane kunokuba ibe kude.

Xa ucinga ngeTshayina ucinga ngelizwe elikude kakhulu, ube nethemba lokuba izimbo zelizwe elikude olo hlobo azinokufika apha kweli lethu.

Kodwa uthi wakubona abantu abafake izichele zokuhluza okuphefumlwayo kwizikhululo zeenqwelomoya ngenxa yesi sifo uqale uqonde ukuba iTshayina ayikudanga nakancinci, ilaph’ esapha! Woyike nangakumbi wakubona abo bantu bakhona bancin’ amehlo, iinto engathi kuvele kwasikwa nje apha ebusweni kwavela amehlo abengalungiselelwanga zihlalo zawo.

Uqale ube namasikizi, usibone sivele ngeempondo isifo ikhorona. Kwizikhululo zeenqwelomoya ufika kukho abantu abafakwe izichele zokuhluza abakuphefumlayo, kanye oku kwabantu abakhuselwa kwisifo sephepha.

Wakubona abantu abenjenjalo ke uzifumana ulaqaza, ufikelwe yintaka, unqwena ukuba nawe ungazifumanela esakho isichele uzikhusele.

Inqambuzane ke iba kungazi ukuba zifunyanwa phi na ezo zichele, kube kungekho namntu uxelela bani ntoni ngokusingise koko.

Ufane uzifumane usisisulu sesende livel’ ebhulukhweni ke, ngaluba Mbovane kwincwadi yakhe ethi Isicakathi. Iyahlekisa ke kambe into enomntu phakathi, ihlekisa seyibulala.

Thina bangenazo ezi zichele kwizikhululo zeenqwelomoya siyababaleka aba bazifakileyo ngokunga sebenayo le khorona, soyika basosulele.

Kwelabo icala babaleka ukosulelwa sithi bangafakanga sichele. Kubanzima mpela ke khe yangumntu okhangeleka ngathi ngumTshayina, simbaleke mpela!

Ngendlela eyoyikwa ngayo ikhorona asifuni nomntu othimlayo; kutsho kwanqaba naba bathi “bless you” xa uthimla.

Ndatsho ndakhumbula ntokazi ethe yakubona amaTshayina efake izichele kwinqwelomoya elandelelana ukuya ezindaweni zawo zokuhlala, eza kudlula ngakuthi, yema ngeenyawo ikhwaza ngokuvakalayo, “Yini Thixo, aba bantu bangazohlaliswa ecaleni kwam, yini Bawo onamandla!” Abantu babantu banyuse ‘ubedlana’ bengayivanga nokuba ithini loo nzwakazi, bedlula ukuya kwizihlalo ezingasemva; “Yeke Bawo! Badlula!” Yatsho yahlala phantsi intokazi.

Nangani nam abo bafo bendingabanqweneli nje ecaleni kwam, kodwa ndiyihlekile loo ntokazi, ndisithi kusengenzeka ukuba ngaba bantu abasindiswa kuyo isoyika bona nje yona. Kambe ke, okrokrayo angathi abo bafo banayo le khorona, befake izichele nje benzela ukuba bangosuleli abanye.

Ukuphangela bubuxelegu ke kambe. Abelakuthi abangaphangeliyo bazihlelele emakhaya, baphelela nje kukuva koonomathotholo ngale nkxamleko sikuyo.

Ukuba bendizihambela iihambo zakwam ngendiyizila inqwelomoya, ndihleli ndingayithandi kakade.

Abantu abaza kusiphathela le cesina ngala mahilihili aphala esithubeni ngeenqwelomoya. Goba msenge iibhokhwe zikutye!