Amayeza okuphosela iintombi

Intlalo nezithethe zesiNtu zaginywa sisiLungu. Xa kuthethwa ngokumetsha phakathi kwempi engayanga esikolweni ibangathi kubaliswa iintsomi.

EmaXhoseni isishumane sendoda asamkelwa ngababhinqileyo nangamadoda. UTamsanqa, W.K. kwincwadi yakhe ethi, “Buzani Kubawo” uyasibonisa ukuba esintwini umfana ongathandwayo ziintombi wayegxekwa kuthiwe akamfuzanga uyise, ubhala ngoMamJwarha, ogxeka uMzamo ngobushumane, “Ee-e, suka wena Mzamo uligeza nje eloyikisa ngenyoka efileyo, andizanga ndisibone isishumane esinjengawe lo, andazi ukuba ufuze bani na kuba uyihlo uMfungelwa wayengesosishumane.”

Ngenxa yokonqena ukugxekwa abafana abaninzi bamaXhosa babesebenzisa amayeza entando okuphosela iintombi.

Umlomomandi: Eli iyeza lisetyenziswa ngumfana xa ephimisa okanye eqhasa intombi. Lifakwa phantsi kolwimi, lwenza ukuba umfana atsho ngamazwi amyoli ayenza ukuba intombi izobozeke imvume ngoko nangoko, ingabi imbekela amalanga.

Uvelabahleke: Lenza ukuba intombi oyifunayo ithi isathi gqi ngomfana incumancumeze ize kuye sele ihleka ngokungathi ithi, ‘Bhuti yide uthethe ndikunike * -ewe wakho’.

Ubhekamna-ndedwa: Lo umthi sisibophelelo esenza ukuba intombi ingacingi ngomnye umntu ngaphandle kwakho. Kuthi nokuba kukho omnye umfana okhe walinga eyigolozela efuna imvume okanye ecela idinga nayo phaya ngasemlanjeni isuke izokumxela kuwe.

Isibuyiso-sothando: Lo mthi ukuba uwusebenzisile ithi intombi nokuba ibisele ikwalile isuke izibuyele ize kuwe izokucela uxolo wena ungakhange uthethe kwanto. Ifika kuwe intombi sele ilila isithi: ‘Andazi nokuba bendingenwe yini na Nono, phinda undamkele, Ndingowakho nokuba sekumnyama entla, Ndikuthanda nyani, Sukudlala ngexesha lam. Enye intombi ide iye kulo mfana weli yeza sele izibhijabhija ibetha isingqi ngonyawo ivuma ingoma isithi: “Ndikhumbul’ilanga, Ndizinikela kuwe, Sasihamba sisobabini, Ndizinikela kuwe!”

Isibambelelo-sothando: Umfana uhlamba ngawo izandla zakhe, uthi xa efika entombazaneni ayixhawule ngesandla, ayiphathe egxalabeni, intombi iba ngathi ibethwe ngumbane ivakale isithi kulo mfana: “Ndakusuke ndikuvume ke mna nje. Phel’ubugwala uze emntwini. Thetha ndoda ndikunike isinyaniso sakho!”

Isibethelo-sothando: Lo umthi wenza intombi isoloko icinga ngomfana nokuba iyatya isoloko iziluma ibona yena, nokuba ihlamba izitya, nokuba ihlamba umzimba; nokuba iya emlanjeni ibona yena emanzini. Kule mihla ye ‘cellphone,’ ide ithi xa iphethe icellphone uyive izivumela ingoma yayo yothando isithi: ‘Ndinayo icellphone endlini, Ngas’uman’ufona, Andikuthandi ndonakele, Ngas’uman’ufona!’

Usofa-silahlane: Eli yeza lenza ukuba intombi nomntu othandana nayo bangakwazi ukwahlukana nokuba sele kumnyama entla. Ithi intombi nokuba ibonwe lisoka umfana eseRhawutini izimele emzini ilibaleke elo soka ifuna loo mfana. Iinkomo zithi nokuba bezingene zalishumi kowayo, ivuke kusasa ithathe intonga ekhona amadoda akowayo nabafazi bebukele izikhuphe ezo nkomo ebuhlanti kuba ifuna ukuba ilotyolwe nguloo mfana unalo mthi ibe ngumfazi wakhe.

Ummemezi-wezintaba: Abanye bathi xa bewubiza lo mthi ngummemezi-kwelikude. Lo mthi ubuyisa intombi owawuthandana nayo nokuba ikulonina nokuba ihlala kwamalume, ibuye ize kule ndawo ukuyo. Ibuye izokuhlala nawe, ikuthande ikunxibise ikugayele iintsimbi, ube ngulewu. Intombi yala naloo mfana ithandana naye nokuba ibimgayele yamnxibisa neentsimbi.

Ipotanitshefu: Le yitshefu ethengwa evenkileni yokosula ubuso. Emva kokuba eyithengile umfana uyihlamba ngeli yeza. Xa efika entombini ufike azosule ngayo ubuso aphekuze ngayo ubuso bentombi ayiphe umoya ophephezelayo. Intombi isuka imthande umfana abe ngulewu. Zonke iintombi adibana nazo ziyamvuma akuziphekuza ngale tshefu. Ezinye zide zilwe ngaye emlanjeni xa ziyokukha amanzi, nasehlathini xa ziyotheza inkuni. Iintombi zinobukhwele, yileyo intombi ifuna ukumthanda yodwa. Akukho ntombi ifuna ukubanjelwa.

Umlilo-wothando: Eli liyeza lokuqhasa intombi ngeleta. Ngumgutyana ogalelwa kule mvulophu iza kufaka le leta emva koko ukhwaze igama lentombi leyo. Intombi ithi xa iyivula ileta, nokuba iyivulelwe ngumntana wesikolo ukuba ayikwazi kufunda, umzimba wentombi isuka iwuve utshisa, umfana abe ngathi usecaleni kwayo. Intombi ithi iqala nje ukufunda amazwi othando aseleteni isuke ibobotheke. Amazwi ke okuwisa le ntombi umfana naye uwabeka kakuhle enjenje: “Blue bells of London, City of Gold, Date is love. Nde qhaphu ndee gqi emantla ephepha ndisinge emazantsi. Hamba phepha lam uyondikhonzela, apho ndingenakufika. Asingomdlalo ngumtyabulo lo. Amehlo am anongcume, ndinyange ndiphandliwe nguwe ntombazana. Iyeza lam nguwe. Akwaba bendilelo phepha liza kubona wena. Sorry for bad spelling ndibhala ndisozela. Usale kamnandi, nditsho ngomkhulu umbuliso.” Intombi iye ixhumaxhume iqhwaba izandla ingazi nokuba mayithini, kusuke kuvuthe umlilo wothando ngaphakathi kuyo, ingazi nokuba iya kumbona nini na lo mntu ebebhala le leta inamazwi avakala kamnandi kangaka.

Udelunina: Intombi ishiya unina ibesemva komfana isoloko ifunana nendawo enalo mfana imvumileyo.

Isikhafulo-sothando: Umfana ngalo mthi uyikhwaza intombi ikowayo, ayibize ngegama layo evule ibhotile eneli yeza. ‘Yiza yiza ndiyakuthanda’. Intombi imva ikowayo inqwenele ukumbona, ifunane nendawo enaye.

Isiphondo-sothando: Eli liyeza le ntombi lifakwa ebhotileni enempukane ebomvu, xa umntu kukho intombi ethile ayifunayo uyikhwaza kule bhotile. Le bhotile uyivula kancinci ngobunono agade le mpukane ingabhabhi iphuncuke iphume, ngeli thuba akhwaza igama lale ntombi. Ukuba ikhe yaphuma uya kuphambana abe ligeza asoloko eleqa zonke iimpukane. Eli ke iyeza liyenza indoda ifunwe zizizo zonke iintombi ezikhwazileyo.

Uza-kum-ndize-kuwe: Ngumthi wentombi oyithandayo, ngalo mthi ukuba ukhe wahlamba ngawo, ithi intombi ukuba ukhe wacinga ngayo uyibone isithi gqi, ithi ukuba wena ukhe wayicinga usuke ungazi ukuba kutheni, usuke uzibone ungabambeki ufuna ukuya apho ikhoyo.