‘IKhorona ayizanga noRamaphosa, masithathe uxanduva!’ kutsho owaseDuncan Village

Imifanekiso : BHEKI RADEBE
Ukuvalwa kokuhambahamba kwabantu ziinzame zokukhusela abantu kwiKhorona, yicinge phaya kowenu xa unokusulela indlu yonke – kunganjani?
Oku kuthethwe yindoda yaseDuncan Village, uPatrick Khishini. UKhishini uhambe ngeenyawo ukusuka edolophini eMonti ukuya eDuncan Village ngenxa yokuba akanayo imali yezitulo ezingenabantu. Ebesuka kuthenga ukutya.
 
Amaphela (iimoto ezitekisayo eMonti) avumeleke ukuba akhwelise umntu omnye qha – into ethetha ukuba ngumqhubi nomkhweli kuphela. 
“La maphela siwakhwelayo avumeleke ukuba akhwelise umntu omnye. Iphela elisuka edolophini eMonti lisiya eDuncan Village yi-R11, ngoku xa ufuna ukukhwela wedwa kufuneka ukhuphe imali yezitulo zabantu abane i-R44,” utshilo uKhishini.

UKhishini ulumkise abo batyeshela imithetho yokuhlala endlini. 
“Masimamele umthetho wokuhlala endlini, umntu aphume xa esiya kuthenga ukutya okanye kwiinkonzo zempilo. 
“Kha ufane ucinge xa unokosulela abantu bakowenu ngeKhorona. Mna ndithathe isigqibo sokuba abantwana bam abaphumi phandle. Masikhumbule ukuba iKhorona ayizanga noMongameli Cyril Ramaphosa, ayizukunceda eyokutyeshela imithetho,” utshilo uKhishini. 
Ukanti edolophini eMonti abantu bebehambahamba nje, bambi belinde iimoto zokugoduka. KwaNompumelelo, eBeacon Bay, amapolisa ebecenga abantu bale lokishi ukuba bayeke ukuyabula ezitalatweni. 
Ethetha noonondaba eBhisho izolo (ngoLwesine), iNkulumbuso uOscar Mabuyane uthe: “Sicela bonke abantu bancedise urhulumente ukuze ingasasazeki le ntsholongwane. Wonke umntu unoxanduva, abantu ke mabakhulele uxanduva.”