Abevanga zikhalo ngenxa yeLockdown!

Le yindlu entunyekwe ngomlilo eSeymour kwaze kwabhubha abantu abahlanu umfanekiso: our news

ABANTU abahlanu, abaquka abasetyhini abathathu, indoda kwakunye nemveku batshe bangqungqa kwilokishi yaseSeymour cebukuhle eBhofolo kubusuku bangoMvulo.

Kutyholwa ukuba olu sapho lutshiswe yindoda ebinobudlelwane nomnye wasetyhini ongasindanga kulo mlilo.

Abamelwane ababalisele intatheli yeOurNews eSeymour, bathi oku kwenzeke kwabhadakazi kwizithuba zentsimbi yeshumi elinambini.

Omnye wabamelwane, obenyembezana, nongafunanga kudizwa ngegama uxelele le ntatheli ukuba bazibeka ityala ngokungeva zikhalo ezikhwaza uncedo.

Uphinde wathi ukuvalwa kwelizwe, iLockdown, yenza ukuba abantu balale ngethuba, nto ebangele bangeva nto. Esi sithwakumbe sishiye indawo yaseSeymour ingcangcazela ngumothuko.

Umrhanelwa ominyaka ingama32 uye wabanjwa waze wabekwa amatyala amahlanu okubulala nokutshisa.

Kwingxelo ekhutshwe ngamapolisa, amadangatye abe lephuza kweli khaya abonwe ngumhlali noye wabona nomrhanelwa ekutyholwa ukuba nguye ontumeke eli khaya ngomlilo.

Lo mhlali uye wabikela uluntu ngesi senzo. Umrhanelwa uye wabanjwa ngoko nangoko ngamapolisa.

“Amapolisa ayangqina ukuba abahlanu bosapho olunye babhubhele ngaphakathi endlwini, kuquka nentokazi yomrhanelwa ebineminyaka engama30 ubudala, unina obena46, udade wabo obena24 yeminyaka, indoda ebina34 yeminyaka ubudala kuquka nosana oluyinkwenkwe obe luneenyanga ezintlanu luzelwe,” kutsho ingxelo yothethela amapolisa uKapteni Khaya Tonjeni.

UTonjeni uthi unobangela wesi senzo uya kudizwa luphando olusaqhutywayo ngamapolisa.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba ajongane ngqo noMantyi kwiNkundla yaseSeymour ngamatyala ajamelene nawo.

OnguMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLt Gen Liziwe Ntshinga, uthumele amazwi adlulisa umyalezo wovelwano kusapho, izihlobo nezalamane zababhubhileyo.

Usigxekile esi senzo sikhohlakele kangaka, watsho encoma abahlali abasebenzisene nabakwantsasana ukuze kunqakulwe umrhanelwa.