Baxakene nooxam kwiiyadi zabo

Uxam obonwe kwa.N.U. 16 eMdantsane kwiveki ephelileyo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abahlali baseN.U.16 eMdantsane baxakene nooxam abazulazula phakathi kwezindlu zabo, maxa wambi befuna ukungena ezindlini xa kugqatse ilanga.

Aba bahlali, nabaxelele I’solezwe lesiXhosa, bathi yiminyaka evisayo aba xam bemana ukuvela kule ndawo kwaye batyhola ngelithi bahlala mzini uthile kule ndawo.

I’solezwe lesiXhosa lithunyelelwe ividiyo yomnye waba xam, obonakala eneempawu zokukhulelwa.

Umhlali oxelele I’solezwe lesiXhosa uthe: “Lo xam simqaphele ekupheleni kuka2017 kwimini eyayishushu kakhulu, sibona inja ikhonkotha. Wakroba umntwanam, xa esithi nanku uxam uhleli edongeni.”

“Sihleli kuloo mngcipheko ixesha elide emana evela lo xam. Umntwana wam wabuza komnye umntwana womnye umzi ngalo xam, ukuphendula lo mntwana wathi akayazi ukuba uza kwenza njani kuba umntu onalo xam uzipholele endlini,” utshilo lo mhlali kudliwanondlebe lwale veki.

“Sasikhe sabafowunela abakwaSPCA, kodwa basixelela ukuba bona bangamthatha nje bamse emlanjeni aphinde abuye. Into esiyibonileyo lo mntu onalo xam wabiza mfundisi uthile wazokuthandaza, sambona uxam enyamalele.

“Uphinde wathi gqi ngoku kwiveki ephelileyo, sathatha ividiyo yakhe futhi ngoku bathathu. Siyoyika, kunzima nokuvula izindlu,” kutsho lo mhlali.

Omnye umhlali uthi bahlala ngoloyiko. Uthi xa bezama ukubaleqa aba xam babalekela kumxino wedonga apho kungakwazi kungena mntu. “Abantwana badlala ngoloyiko, izindlu zethu zihlala zivaliwe.”

Omnye umhlali uthe: “Ukuqala kwam umbona, ndeva ngabantwana bekhwaza besithi ‘nantsi inyoka’. Xa ndithi nguxam lo. Zange siphinde sibe kwimo elungileyo, kuba kufuneka sihlale sivale izindlu.

“Sifuna basuke apha kuthi zange sibabone ooxam abahlala phakathi kwezindlu,” utshilo lo mhlali.

Ngokwentlalo ooxam bathanda ukugcakamela ilanga, ze basebenzise ubusuku njengexesha lokuzulazula. Uxam uyambaleka umntu, kodwa xa exiniwe, esoyika, uyawusebenzisa umsila wakhe ukuzikhusela.

Ooxam basendle bayakuthanda ukubaphakathi kweenkomo, ufike bedlala ngobulongwe bazo. Bambi bade baphume emanzini ekuseni bathathe ubulongwe basinde ematyeni.

Ngokwezifundo zophando, ooxam baphila ubomi obubini – emanzini nasemhlabeni. Batya ukutya okufana nezinambuzane, iintlanzi, amacilikishe, iinyoka njalo njalo. Abanye babo batya nemifuno kwaye ixesha elide lokuphila kukaxam yiminyaka elishumi elinesihlanu.