Abenzinwele bakhala ngendlala!

Abenzi beenwele abasebenzela kwisitalato saseMadeira eMthatha bafuna ukwenzelwa umnyenyevu wokuba basebenzeUmfanekiso: Monwabisi Khininda

Abenzi beenwele abasebenzela kwisitalato saseMadeira eMthatha bakhala ngendlala ebangelwa ngumthetho weCovid-19 othi abantu mabahlale emakhaya ngelokuzikhusela kolu suleleko lwesifo sekhorona esesigqugqise kumazwe amaninzi ehlabathini.

La manenekazi athi amalunga namashumi amahlanu xa ewonke, aziphilisa ngokwenza iinwele kwesi sitalato ukuze axhase iintsapho zawo.

Abanye babo baneminyaka ekwishumi elinesine besebenzela apha. Ngoku imeko imaxongo kubo kuba abavumelekanga ukuba bangaqhubeka nomsebenzi wabo ngenxa yemithetho yeLockdown yeCovid-19.

UNomzekelo Momoza ongumama wabantwana abathathu, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba akakwazi ukuhlala ekhaya elambile.

“Kunzima kuthi thina bantu abaziqeshileyo kuba asifumani nokutya kwesibonelelo kuba kusithiwa samkela imali yegranti yabantwana,” kutsho uNomzekelo.

La manenekazi akhala ngokuba kunzima nokuhlawula irenti kwiindawo abaqeshe kuzo.

“Ixhala lam yimibutho yoomasingcwabane esingakwazi ukuyihlawula ngenxa yesi simo,” wongeze ngelo.

ULiziwe Buwa uthi urhulumente wathi abantu abadinga imisebenzi mabavuke bazenzele, kodwa xa bezenzela bezama ukuziphilisa amapolisa ayabagxotha.

“Abathengisizitalatweni benzelwe umnyenyevu wokuba bathengise kodwa thina asifuneki, amapolisa ayasigxotha. Urhulumente makasithathele ingqalelo nathi,” kutsho uLiziwe.

ULiziwe uthi bahlutshwa nangabantu abaqhele ukubenza iinwele abafuna ukwenziwa.

“Ngesisiya kubenzela kwiindawo abahlala kuzo okanye beze kwiindawo esihlala kuzo kodwa asikwazi kuba neendawo esithenga kuzo izinto zokwenza iinwele zivaliwe,” uphethe ngelo.