Bancumile abaphiwe ukutya nguMy friend

Ahmed Mohamed onikeze ngokutya kuluntu olungathathi ntweni lwaseKhayelitsha eMdantsane.

UMonica Kokolo onamashumi amahlanu anesibini waseKhayelitsha eMdantsane ophila ngokujikeleza kuloliwe ethengisa iilekese, izipeliti nekhamfari, uthi abululanga kwaphela ubom kuye oko kuthe kwamiswa iintshukumo kweli lizwe.

UKokolo akasenaye umyeni uhlala nabantwana bakhe abathathu, ungomnye wabaphiwe ukutya nguAhmed Mohamed nonevenkile kwisitrato sabo eKhayelitsha.

UKokolo uthi noko oku ukutya kuza kukhathula kuba xa ejongile uza kungena nakweyesibini iveki kusekhona.

“Bekukokokuqala ndifumana iipasile zokutya oko ndeva kusithwa umasipala uza kusinika, asikakufumani apha. Ngesilala izisu zithe nca ukuba besingakhange sibonelelwe yile ndoda,” utshilo uKokolo.

Uthi ebebuya enazo iisenti qho xa ebuya emsebenzini eziphuma kwiilekese zakhe azithengisayo. UNokubonga Kotobe nongomnye wababonelelwe nguMohamed uthi bathandathu bebonke kowabo kwaye ngoku kuhleliwe nje ukutya kuyakhawuleza ukuphela, umntu utya nakangaphi efuna.

Uthi akaphangeli nakowabo akukho mntu uphangelayo baxhomekeke kwindodla.

Uthi oku kutya bakuphiweyo umahluko kuwenzile kakhulu kubo.

UMohamed uthi akakhange athandabuze ukunceda xa ikomiti ibize kuye iyokucelela uluntu ukutya.

Uthi unobangela wokungathandabuzi kwakhe kukuba uncedwa kwaluluntu lwaseKhayelitsha.