Bavuyela ukutya okukumgangatho ophezulu

Abahlali kwilali yakwaRhayi eQonce, bafumene izibonelelo zokutya okuvela kwiGift of the Givers ebihamba noSekela Mphathiswa kwisebe lokuHlaliswa koLuntu uPam Tshwete Imifanekiso: BHEKI RADEBE
UThobile Ngamlana, 55, welali yakwaRhayi eQonce nongomnye wabo bathe babethakala ngeli xesha lokumiswa kweentshukumo, njengoko engasakwazi ukwenza izingxungxo zethutyana, akawuvali umlomo yinto abathe bayenzelwa bengabahlali abangathathi ntweni ngumbutho iGift of the Givers othe wababonelela ngeepasile zokutya. 


UNgamlana uthi baziva bexabisekile kuba bekungadluliswa sana kunina kwaukuba bade bafumane ukutya kwevenkile ekudidi oluphezulu uWoolworths. 

UNgamlana wayengumsebenzi emgodini kodwa sele eneminyaka emine engumhlali wakwaRhayi. Uthi uphila ngokulungisa umbane emizini, abhatalwe, bakwazi ukulala betyile.


UNgamlana uthi kodwa oko kwamiswa iintshukumo elizweni ngenxa yeKhorona, uyasokola kuba neevenkile bezingazithengisi izixhobo zombane. 
Uthi babamba ngazo zozibini kulo mbutho ngokutya kwaye kwakuthabatha iintsuku noko.

Uthi okunye okumvuyisayo kukuba ukutya abakuthengelweyo kokwevenkile ekumgangatho ophezulu baziva bexabisekile.


“Imbi into esayibona ethivini yabahlali baseGcuwa bekhalazela ukunikwa ukutya okunegrogro – nto ebonisa ukungakhathaleleki koluntu. Siyancoma thina, sincoma uhoyeko nokuhlonipheka, kubonisa ukuba bekungenziwa nje,” utshilo uNgamlana.
Uceba kawadi 39, uBongani Dyonase, uthi bangamashumi amahlanu abo bathe baxhamla kwezi pasile zokutya. 
Amashumi amabini anesihlanu abaxhamlileyo bebephuma kwaRhayi, abanye bephuma kwilali yakwaBhonke. 
Uthi okumvuyisayo kukuba aba bathe baxhamla bebezifanele ezi pasile kuba abathathi ntweni. Uthi ucele abahlali bona bazanayo ukuba kuchongwe abo kunzima kubo bafanele ukuba bafumane. 
“Ndiyabulela ngentsebenziswano ebahlalini, ndikwabulela nakwiGift of the Givers, isebe lokuHlaliswa koLuntu kwakunye nabo bathe bafaka isandla,” utshilo uDyonase.
UPamela Tshwete nonguSekela Mphathiswa wokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke ebeyinxalenye noku.